UMBHALI WETHU
ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni liza kubamba umsitho wokuwonga abasebenzi becandelo lezoqhakamshelwano nelibizwa i24hr Emergency Call Centre, ngoLwesihlanu, umhla we21 kule nyanga yoMdumba, eICC, eMonti.
Eli ziko loqhakamshelwano sele lineminyaka liqhuba, kwaye nabasebenzi balo bathi bafumana uqeqesho phambi kokuba basebenze kulo. Ukusekwa kweli ziko yaba kukukhawulelana neengxaki zeziguli ngemfonomfono, kwanokunika ulwazi ngeendawo zonyango ezikufutshane.
La mawonga abizwa iMotivation Awards, kwaye agxile ekukhuthazeni ukuzinikela kwabasebenzi beli ziko ngokupheleleyo.
“La mawonga yindlela yokukhuthaza abasebenzi abathe bazinikela kulo msebenzi. Le yindlela yokubaqhwabela izandla ngomsebenzi omhle abawenzayo, kwanendlela abathi bazinikela ngayo ingakumbi ngexesha leCovid, kwanokonyusa izinga lokusebenza,” utshilo othethele iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uSiyanda Manana.
OkaManana uqhuba athi, eli ziko lathi lajongana nemiceli mingeni ngethuba likacimicimi, nalapho kwakubakho uphazamiseko kwiimfonomfono, kodwa noko kunjalo eli ziko lazama ezinye iinzame. Uthi ngonyaka ka2019 eli ziko lathi laphuma phambili ngomsebenzi oncomekayo ngethuba apho kwakuqala iCovid.
Eli phulo kuthiwa sele liqhwatyelwe izandla nguMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa.
Intloko ye-ECoDH kweli ziko, uGqirha Zandisile Ntlube, uthe eli phulo lisaza kuhamba indima ende ukukhuthaza abasebenzi beCall Centre ukuba baqhube nomsebenzi oncomekayo.
“Aba basebenzi bachitha ixesha labo elininzi apha, kude neentsapho zabo, kuquka nosuku olubaluleke njengeKrismesi nonyaka omtsha. Bazinikele ekusebenzeni ukusindisa iimpilo zabantu, kwaye ngoku lixesha lokuba bawongwe ngeenzame nomsebenzi wabo,” utshilo uNtlube.
Lo msitho uza kubanjwa emva kwentsimbi yokuqala emini ngoLwesihlanu, umhla we21 kule nyanga yoMdumba, eICC, eMonti.