UBukiwe Zide nemoto entsha kraca kaHaval. Umfanekiso: Facebook
Intliziyo kaBukiwe Zide isadada emafutheni emva kokothuswa kwakhe ngeendaba ezimnandi kwiveki ephelileyo yinkampani evelisa iimoto zodidi oluphezulu, uHaval. UZide, ongumfundi weendaba kuMhlobo Wenene FM okwanguye noDJ Zeed oliyolisa, ubizwe nguHaval oseGqeberha wamthi jize ngemigrugra yeemoto – imitshini ezitshintshayo awuza ngayo endleleni ngesitayile.
Ukusetyenziswa yinkampani efana noHaval akothusanga ngoba uBukiwe unabalandeli abaninzi kumakhasi onxibelelwa futhi waziwa ngokwaneleyo kunomathotholo. Ngaphezulu koko, mhle ngokufanayo neminyobo yeemoto eziveliswe nguHaval kulo nyaka. Ethetha neli phephandaba, uDJ Zeed uthe imchulumancise kakhulu into eyenzekileyo.
“Kundothusile ukuza kukaHaval kum ngoba bendingakulindelanga. Zizinto esizibona kwabanye abantu ezi, ngoku xa isenzeka kuthi siyothuka,” utshilo uZide odume ngokufunda iindaba kamnandi.
“Ndivuya kakhulu ngoba kuthe kanti bakhona abantu ababona into apha kum njengokuba ndizeya. Bendizibona ndingekho kolwa didi – kodwa ufike uHaval wafunqula ukuzithemba kum,” utshilo uZide echwayitile.
Njengokuba ukhuphiswano luthande ukuphakama kwimakethe yeemoto eMzantsi Afrika nakwihlabathi jikelele, iinkampani ezininzi ziye zikhangele abantu abaziwayo ukuze bazincedise ngokusondeza iimveliso zazo kubathengi. Akukhethwa nokuba ngubani, kunikwa umsebenzi abantu abaziphethe kakuhle futhi abakhethekileyo.
“Ukuthenjwa nguHaval yinto enkulu kakhulu kum. Iyothusa le nto nyhani kwintombi yaseMampondweni efana nam. Ndiyavuya ngoba kwelinye icala iphakamisa ikhaya lam, ilali yam iZinkumbini, eLibode. Le nto iphakamisa unolali nomntana okhule ngohlobo endikhule ngalo. Bekungekho yonke into esiyifunayo ekhaya ekukhuleni kwethu.
“Umntu usebenzile, ngoku uzibona sele ehamba ngeemoto zenkampani enkulu. Nditshintshatshintsha iimoto yonke imihla, lo nto indenza ndizive ndiwongekile kakhulu. Ndizimisele ukwenza kakuhle ukuze bangazisoli kwaHaval. Kufuneka ndichule ukunyathela ngoku ngoba kukho iinkampani ezinkulu endisebenzisana nazo. Indivisa kamnandi kakhulu into eyenzekileyo,” utshilo uDJ Zeed.
“Ndingumntu othanda iimoto zakwaBMW ke mna – kodwa uHaval undihlalise phantsi. Ubuchwephesha obufakwe ezimotweni zakhe busemgangathweni ophezulu. Kufuneka uqiniseke ngokuqhuba iimoto zikaHaval ngoba ziyakuntama xa ungalandeli imithetho yendlela. Ngenxa yobuchwephesha, umqhubi akasebenzisi amandla futhi ukhuseleko yeyona nto ephambili kuHaval.
“Imoto yakhe ineekhamera ezikuncedayo ubone okwenzekayo endleleni macala onke. Zonke iimoto zikaHaval endiziqhubileyo zenziwe ngobuchule obufanayo. Zindothusile ngoba ziyakwazi nokuzikhangelela indawo yokuma nokuba akekho umntu ngaphakathi,” utshilo uZide owenze umbulelo omkhulu kakhulu ebantwini abamxhasayo kumaqonga onxibelelwano.