UMphathiswa wezeMpilo uGqirha Aaron Motsoaledi. Umfanekiso: Siyabulela Duda
UMphathiswa wezeMpilo kuzwelonke, uGqirha Aaron Motsoaledi, ukhuthaze abantu abatya iipilisi zeARV ukuba baqhubeke nokwenza oko phakathi kweengxelo zokuba iMelika imise inkxaso-mali ukuze kujongwe ukuba zeziphi iinkqubo ezihambelana nesicwangciso sikaMongameli uDonald Trump.
Kubekho inkxalabo enkulu emva kwesi sibhengezo sikaTrump sothusayo, iinkqubo ezichatshazelwa koku ziquka inkqubo kaMongameli waseMelika ebizwa ngokuba yiPresident’s Emergency Plan for AIDS Relief (PEPFAR), ejolise ekuxhaseni uthintelo, ukhathalelo kunye nonyango lweHIV. Le nkqubo ixhasa amazwe aliqela, kuqukwa noMzantsi Afrika, ukuba afezekise ulawulo lobhubhani lweHIV.
Ethetha noonondaba, uMotsoaledi uthe inkqubo yeli yeeARV ayizukuchaphazeleka, njengoko ixhaswa ngemali ngurhulumente woMzantsi Afrika kunye neGlobal Fund.
“Okwangoku, zonke iinkqubo zeHIV/AIDS ziyaqhubeka. Njengorhulumente woMzantsi Afrika, sifuna ukuqinisekisa ukuba akukho mntu kufuneka ayeke ukuthatha iiARV kuba oko kuya kuba kubi,” utshilo uMotsoaledi.
UMzantsi Afrika unezithili ezingama52 kwaye kwezo, izithili ezingama27 zixhaswa ngemali yiPEPFAR. “I-PEPFAR ikhethe izithili ezingama27 ezizezona zithili zichaphazeleka kakhulu yiHIV/AIDS kwaye ezi zithili zikumaphondo asibhozo. Elona phondo lingabandakanywanga liphondo loMntla Koloni kuba alinazo izithili ezichaphazeleka kakhulu yiHIV/AIDS,” utshilo uMotsoaledi.
Iingxelo zithi kwezi zithili zingama27, ezisixhenxe kuzo ziKwaZulu-Natal, ezintlanu ziseMpuma Koloni, ezine ziseGauteng, ezintathu ziseMpumalanga naseMntla Ntshona, ezibini ziseLimpopo, kwaye esinye siseNtshona Koloni.
“Lilonke inani labantu abajongene nezi ngqubo zeHIV/AIDS kwezi zithili ziyi27 ngama271 606. Kubantu abangama271 606, abangama256 452 baxhaswa ngemali nguMzantsi Afrika. Lo nto isishiya nabantu abayi15 145, abazakuchatshazelwa kukurhoxiswa kwale nkxaso-mali.
“Ezona ngxaki zethu zinkulu iya kuba yimivuzo kunye neendleko zokusebenza. Yiloo nto esiyijongileyo neziko lengxowa-mali kazwelonke,” utshilo uMotsoaledi.
Kuthiwa i76% yenkxaso-mali yeenkqubo zeHIV/AIDS eMzantsi Afrika iphuma kweli – i74% iphuma kurhulumente ize i2% iphume kwicandelo labucala. IGlobal Fund igalela i7%, yona iPEPFAR igalele i17%.
Kumashumi amathandathu anesithathu ezigidi (63 million) zabantu eMzantsi Afrika, bangaphezulu kwezigidi ezisixhenxe (7.8 million) abantu abaneHIV, kwaye abangaphezulu kwezigidi ezihlanu (5.5 million) basebenzisa iipilisi zeARV.