UMolemo ‘Jub Jub’ Maarohanye.
Umsasazi kamabonakude nokwangumrepha uMolemo Maarohanye nowaziwa njengoJub Jub uvele okwesibini kwinkundla kamantyi eRhawutini namhlanje ekuseni. Oku kulandela ukubanjwa kwakhe ngezityholo zokudlwengula, ukubetha, kunye nokuzama ukubulala kwinyanga ephelileyo.
Kwinyanga ephelileyo uMaarohanye wazinikela emapoliseni kwisikhululo samaPolisa eBrixton eGoli emva kwencwadi egunyazisa ukubanjwa kwakhe apho wanikwa ibheyile yeR10 000 emva kokuvela ithutyana enkundleni.
Lo msasazi wenkqubo kamabonakude edumileyo ethi Uyajola 9/9 uzikhabile izityholo abekwa zona.
Kwi afidavithi exhasa isicelo sakhe sebheyile, uMaarohanye uthe izityholo ezibekwe ngakuye zidalwe kwaye zaqalwa ngenxa yokuba eye kwinkqubo kaMacG ngo2021.
“Ngexesha yale nkqubo ndiphendule intetho engafanelekanga eyenziwe ngumsasazi malunga nommangali malunga nobudlelwane bethu bezesondo ngelo xesha,” utshilo uMaarohanye.
Isithethi seNPA eGauteng uPhindi Mjonondwane udize ukuba lo mrepha ujongene namatyala alishumi elinesithathu aquka ukudlwengula, ukuxhaphaza, ukuxhwila, ukubetha, nokubetha ngeenjongo zokonzakalisa umzimba.
Enye yezityholo atyatyekwa zona yavulwa ngowayesakuba yintombi yakhe nokwa ngusaziwayo. Le yinto eyenzeka ngo2006 kunye no2009 ngoko babesathandana.
Ityala lakhe lihlehliselwe umhla wesibhozo kweyeNkanga.