Ezemidlalo

IPirates ziintshatsheli ezintsha zeCarling Knockout Cup!!!

Pedro Mapelo|Published

URele Mofokeng liqhawe emva kokunceda iPirates ebethe iMarumo Gallants emdlalweni weCarling Knockout Cup.

Image: Carling Black Label

URelebohile Mofokeng uyikhulule i'Orlando Pirates emdlalweni obunzima. Oku kwenzeke emva kokuba encede iPirates ebethe iMarumo Gallants ngegowuli elinye emdlalweni weCarling Knockout Cup obushushu ePeter Mokaba Stadium namhlanje ebusuku.

Ziintshatsheli okwesibini ngoku iPirates ebithathe indebe yeMTN8 kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo. Ukubethwa kweMarumo Gallants akothusanga ngoba ibidlala okweqela elinethemba lokuphumelela kwiipenela. Phakathi emdlalweni khange ilwele ukuphumelela kuzo zozibini izigaba zomdlalo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Umdlalo ubuphethwe yiPirates equqe ibuyelela ezipalini zikaWashington Arubi - kodwa ayikwazanga ukuwasebenzisa.

Iphantse yafumana igowuli emzuzwini wesibini iPirates emva kwebhola ebhutyuzwe nguArubi - kodwa ngethamsanqa ibhola kaEvidence Makgopa inqandwe phantsi kweepali ayangena. Ezuzwini weshumi elinesibini, uThalente Mbatha ukhabe ekude njengesiqhelo - kodwa ibhola yakhe iye yabanjwa lula ngunozinti.

UMasindi Nemtajela noRelebohile Mofokeng bakhe bazama nabo ukubela ezipalini. Akukho nto engako ekungabhalelwa ekhaya ngayo eyenziwe yiMarumo Gallants ngaphandle kokuchitha iibhola zePirates.

Ebesekhefini uSipho Chaine ngoba khange abekho amathuba acacileyo adalwe yiMarumo Gallants emdlalweni obubukelwe ngabantu abangaphezulu kwamashumi amane amawaka ePolokwane. Ixesha lokuphumla linike amaqela omabini ithuba elihle lokuqweba amaqhinga amatsha okuphumelela kwisigaba sesibini.

Iqhubele phambili iPirates nokuhlasela ngokufanayo nakwisigaba sokuqala somdlalo. Kufakwe nguDeon Hotto, uMbuthuma noTshepang Moremi kukho ithemba lokuba baza kuyiwisa kwangoko iMarumo Gallants.

Khange kube njalo ngoba nayo iMarumo idlale bhetele kwisigaba sesibini nangona ibingakwazi ukukhabela ezipalini. Emzuzwini weshumi elinesihlanu kwixesha elongeziweyo, uMofokeng ubhakuzelise umnatha yatsho yahamba phambili iPirates.