Ezemidlalo

Umqeqeshi ucacisa isizathu sokudlalisa uCemran Dansin emdlalweni omkhulu

Pedro Mapelo|Published

UCamren Dansin evuyela igowuli emdlalweni weBetway Premiership obuphakathi kwe'Orlando Pirates neMamelodi Sundowns ngempelaveki egqithileyo eLoftus Stadium.

Image: BackpagePix

Umqeqeshi we'Orlando Pirates, uAbdeslam Ouaddou, usicacisile isizathu esibangele adlalise uCemran Dansin ongundabamlonyeni emdlalweni omkhulu.

Emva kokuba iMamelodi Sundowns ibambene nePirates ngegowuli elinye macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePitoli, abantu abaninzi abashiyeke bethetha ngoDansin ofake igowuli elincede iPirates ebihamba emva.

Nangona umdlalo ungakwazanga ukuvelisa iqela eliphumeleleyo - kodwa zikhona izinto ezenzeke emdlalweni ekusathethwayo ngazo. UPeter Shalulile ufake igowuli lokuqala watsho wataka iintlantsi umdlalo obudikidiki.

Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, uDansin ufake igowuli elihle elimenze wanomkhitha kubalandeli bePirates. Omabini amaqela awafumene amathuba ebenokuphumelela ngawo owona mdlalo obumkhulu ngempelaveki egqithileyo - kodwa akakwazanga ukuwasebenzisa.

Umqeqeshi uyibeke yacaca into ethi abadlali abaveliswe yiPirates sobe bakwazi ukufumana amava ngokuhlaliswa ezitulweni ngaphandle ebaleni. "Ziinyanga ezilithoba ndikweli lizwe, into endiyiqapheleyo kukuba italente ifele eMzantsi Afrika," utshilo umqeqeshi.

"Xa ke uthe wambona umdlali onetalente, kubalulekile ukuba bakhuthazwe ngokunikwa ithuba lokudlala," utshilo uAbdeslam okhale ngePirates engaphumelelanga kuba iyeke amathuba ivuma iSundowns ebidlalela kowayo.

"Ndiyabazi abaqeqeshi abaninzi bayoyika ukudlalisa abadlali abatsha ngoba balumkele ukuphulukana nemidlalo. Njengomntu owayengumdlali webhola ekhatywayo, nam ndanikwa ithuba lokudlala ndineminyaka elishumi elinesibhozo.

"Ndagqiba kwelokuba siqale amalungiselelo esizini naye emva kokubona italente yakhe uDensin. Wazibonakalisa emidlalweni yobuhlobo esayidlala eSpain. Kufuneka umdlali osakhulayo angeniswe kakuhle eqeleni elidala.

"Ndicinge ukuba ufanelwe kukuqala umdlalo namhlanje ngoba besidlala neqela elisemgangathweni ophezulu. Njengentaka, ukuba akalinikwa ithuba lokubhabha.

"Bekukuhle ukumbona efumana ithuba sidlala neSundowns. Ndiyavuma kufuneka aphucule indlela adlala ngayo, ukuba ebegqibelele ngendisithi nguMessi wethu," utshilo umqeqeshi wePirates.