Ezemidlalo

IPirates ibhengezile igama lomqeqeshi wayo omtsha

Pedro Mapelo|Published

uAbdeslam Ouaddou ngumqeqeshi omtsha we'Orlando Pirates, oza kuqala umsebenzi phambi kokuqala kwesizini ezayo.

Image: Facebook

Iindaba ezingenayo zithi uAbdeslam Ouaddou ngumqeqeshi omtsha we'Orlando Pirates. Isibhengeso senziwe yiPirates kumakhasi onxibelelwa ngale ntsasa yanamhlanje. Oku kothuse abantu abaninzi emva kokuthi tshitshilili kweendaba ezithe uRulani Mokwena yeyona ndoda eza kunikwa isikhundla esitshisayo ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Le ndedeba yaseMorocco ngokuzalwa ayintshanga eMzantsi Afrika ngoba ibiqeqesha iMarumo Gallants edlala kwiBetway Premiership kwisizini edlulileyo. Umqeqeshi omtsha kwiPirates ungena ezihlangwini zikaJose Riveiro okhethe ukuya kuqeqesha iAl Ahly kwinyanga ephelileyo.

Akukho nto aziwa ngayo kakhulu uAbdeslam Ouaddou ngoba ungene iphakathi isizini kwiMarumo Gallants. "Siyi'Orlando Pirates sinovuyo lokwazisa uAbdeslam Ouaddou njengomqeqeshiomtsha. Uza kuthatha iintambo phambi kokuqala kwesizini entsha. Oku kwenzeka emva kokuhamba kukaJose Riveiro ongumqeqeshi weAl Ahly ngoku," itshilo ingxelo ekhutshwe yiPirates.

Umqeqeshi omtsha uza kuncediswa nguMandla Ncikazi obencedisa uRiveiro, uRayaan Jacobs, uTyron Damons noHelmi Gueldich. Nangona uMokwena bekuthiwa uvene nePirates - kodwa kuthiwa ufuna umntu othandwa nguye endaweni kaMandla Ncikazi.

Kunokwenzeka iPirates sesona sizathu sokupatyalaka kwezinto eso. Kulindeleke ukuba iPirates indulukele eSpain - apho iza kuzilolongela khona kwakhona phambi kokuqala kwesizini kwiinyanga ezizayo.