UNtsindiso Mphakathi yenye yeembaleki ekulindeleke ukuba zilwele ukuyiphumelela iSoweto Marathon ethandwayo.
Image: Facebook
Emva kweeveki ezimbini kusongwe isiqendu salo nyaka seComrades Marathon, iimbaleki ziqalise amalungiselelo olunye ugqatso olusemgangathweni ophezulu kakhulu eMzantsi Afrika.
Njengokuba abaququzeleli beSoweto belungiselela ukuphehlelela ngokusesikweni umdyarho walo nyaka, uNtsindiso Mphakathi uxelele uSABC Sport ukuba kungangcono xa kungongezwa ibhaso eliyiR250.000 liye phezulu futhi kubekho namanye amaqithiqithi anokuthi akhuthaze iimbaleki zalpha eMzantsi Afrika.
UMphakathi yimbaleki ethe qabavu futhi ehlonitshwayo eMzantsi Afrika ngoba ukhe wayintshatsheli yeSoweto Marathon kwiminyaka egqithileyo. Kulindeleke ukuba uMphakathi alwele ukuphumelela ugqatso aza kube ekhuphisana kulo namadoda amaninzi aphuma apha eMzantsi Afrika namanye asuka kwamanye amazwe abekhona kwiComrades Marathon.
Wenza imbali ngokuba yindoda yokuqala uMphakathi ophume phambili kugqatso olungumgama ongamashumi amane anambini (42.2km). Amaqithiqithi athetha ngawo uNtsindiso uthi anganceda ekukhuthazeni iimbaleki zalapha eMzantsi Afrika ukuze zibalekele ukuyiphumelela iSoweto Marathon.
"Ndineminyaka emininzi ndithatha inxaxheba kwiSoweto Marathon. Ingase abaququzeleli babenendlela abangakhuthaza ngayo iimbaleki zalapha ekhaya. Ndingavuya ukuba abaququzeleli bangongeza amabhazi. Sithetha ngomdyarho weembaleki otsala zalaphapha ekhaya neziphuma kwamanye amazwe," utshilo uMphakathi ethetha kwiSABC Sport.
UNtsindiso Mphakathi yimbaleki eyazalelwa kwiphondo leMpuma Koloni - kodwa eyafudukela eSoweto, eGauteng, ngenxa yokukhangela amadlelo aluhlaza. Ugxeleshe ukungquzulana naye uOnalenna Khonkhobe ozenzele igama kwiComrades Marathon abaleke kuyo kakuhle noxa engayigqibanga.
"Kunzima ukubaleka iSoweto Marathon - kodwa ke kubalulekile ukuzithemba nokuzilungiselela kakuhle. Mna ndikhetha ukubaleka ngesantya sam," utshilo uMphakathi ophantsi kukaHendrick Ramala.