Ezemidlalo

Bacoca indlu kwiChippa United phambi kokuqala amalungiselelo esizini entsha

Pedro Mapelo|Published

USinethemba Badela noSinesipho Mali bachithe abadlali abaninzi phambi kokuqala amalungiselelo amatsha.

Image: Chippa United

Kukhululwe ishumi elinesibhozo lonke labadlali phambi kokuqala kwamalungiselelo esizini entsha. Oku kwenzeka kanye emva kokuba uMnu. Siviwe Mpengesi echonge uSinethemba Badela njengomqeqeshi omtsha noSinesipho Mali njengomlawuli oyintloko omtsha kwiveki ephelileyo.

Ukuhamba kwabadlali abaninzi kuvulela abanye ekulindeleke ukuba batyikitywe nguBadela noMali abaziinkcutshe kwicala lokubona nokubona italente. Nangona bekulindelekile ukuhamba kwabanye - kodwa kothusile ukukhululwa kwabanye abadlali.

Ubuyele kwiqela lakhe yena uAphelele Teto obekubolekiswe ngaye yiLivingston yaseScotland. Yena uSiphelo Baloni uza kubuyela kwiPirates ekungekacaci nokuba iza kumthatha kusini na. USonwabo Khumalo ubuyela kwiPele Pele FC.

"Silibulela kakhulu igalelo elenziwe ngabadlali abahambayo," utshilo uSinesipho Mali oxhuzula imikhala ngoku kwiChippa United. Phakathi kwabadlali ebekulindeleke ukuba bahambe kukho uAndile Jali onethuba elide engasadlali.

Ukukhululwa kukaJustice Chabalala, uCraig Martin noBienvenu Eva Nga bekungalindelekanga ngoba ngabona badlali abadlale kakhulu kwisizini ephelileyo kwiChippa United eyivale ingaphandle kweTop-8.

UDarren Johnson, ongunozinti odlala kakuhle, amthathele kuwo AmaZulu achithe uVeli Mothwa ekuthiwa angabuyela kwiChippa kwisizini ezayo. AmaZulu amkhulule emva kokuncanywa nguArthur Zwane ngenxa yeempazamo azenze kuwo nakwiqela lesizwe ngendlela ebingaqhelekanga.

Abanye abadlali abakhonjwe emnyango naba: uLukhanyo July ongunozinti, uBaraka Majogoro obedlala esiswini, Athenkosi Dlala, uRonald Sanou, uRonald Maarman, Thobani Jacobs, Sifiso Mazibuko, Aviwe Mgokozo naye uEnock Sakala.

Phambi kokuba kubhengezwe abadlali abatsha, kulindeleke ukuba iChippa ibhengeze igama lesekelamqeqeshi likaBadela osebenze noRulani Mokwena ngethuba ebhexesha iWydad Athletic Club kwisizini egqithileyo eMorocco.