UVela Khumalo ebengumqeqeshi waBafana Bafana kwiCosafa Cup ebiseFree State.
Image: Safa
Uwe phantsi kwakhona uMzantsi Afrika kwilinge lawo lophumelela indebe yeCOSAFA. Oku kulandela ukubethwa kwawo yiAngola ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni wokugqibela obubanjelwe eFree State Stadium, eBloemfontein, emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Amagowuli amabini, afakwe nguAurelio Depu nelinye elifakwe nguFelicio Milson, anike iAngola impumelelo ebalulekileyo. Ukuphumelela kwayo iAngola kwakhona kuthethe ukuthi iziintshatsheli ityeli lesibini iminyaka ilandelelana.
ABafana Bafana baye emdlalweni wokugqibela bengaqhubanga kakuhle emidlalweni yabo konke konke. Noxa bekwazile ukufikelela kwisigaba sokugqibela setumente - kodwa amagowuli ebenqabile emidlalweni abayidlalileyo eFree State Stadium.
Umqeqeshi wabo, uVela Khumalo, ukhale ngokungabikho kakuhle kwethuba lokuphumla njengento elibethileyo iqela lakhe. Nangona kube njalo, abadlali bakhe bazamile ukulwa - kodwa badibene neAngola eyenze ngaphezulu kunabo emdlalweni ogqithileyo.
"Sizamile. Besifuna ukuhlasela emdlalweni - kodwa abadlali bethu abakwazanga ukudlala ngendlela ebesifuna ngayo ngoba bebediniwe. Andizami ukukhangela isebe lokusithela. Siza kuyithatha isiliva esiyifumeneyo," utshilo uKhumalo obengumqeqeshi weqela lesizwe ebelinabadlali abaninzi abaselula ngokweminyaka.
"Sifunde nto kule tumente. Abadlali bethu balifumene ithuba lokudlala futhi ndicinga ukuba uHugo Broos uza kuthatha isigqibo ngabo. Abadlali bethu badlale kakuhle. Kuxhomekeke kumqeqeshi ukuchongwa kwabo kwiqela elidala," utshilo umqeqeshi kwiSuperSport TV emva komdlalo ngempelaveki.