UTemba Bavuma uphamise indebe emva kokuba uMzantsi Afrika woyise iAustralia.
Image: ICC/Facebook
Yiminyaka esondele kumashumi amathathu uMzantsi Afrika wagqibela ukuphumelela indebe ebalulekileyo kwiqakamba yehlabathi. Baninzi abadlali abazamileyo ukusukela ngeentsuku zooHansie Cronje owagqibela ukuphakamisa indebe ebhalwe uMzantsi Afrika kwitumente enkulu eyayisePakistan.
Emva kokulwa kweqela likaTemba Bavuma eminyakeni emibini kungade kuvuleke, kulo nyaka kude kwalunga. Oku kwenzeke emva kokuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika libethe iAustralia ngoothinti abahlanu emdlalweni weWorld Test Championship ngempelaveki edlulileyo.
Umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali abaquka uBavuma, Aiden Markram, uLungi Ngidi noKagiso Rabada ubuyise isidima soMzantsi Afrika kwiqakamba yehlabathi. Oku kwenzeke ngexesha elihle inkokeli inguTemba Bavuma - uwazithwala izolo nokuba sele engonanga kubachasi benguqu eMzantsi Afrika.
Ukuphumelela kweProteas kumothule umthwalo onzima emagxeni wakhe ngoba abachasi bakhe (uBavuma) basoloko becinga ukuba impumelelo nokukhokela iqela lesizwe leqakamba zizinto ezifanele abantu abathile.
Njengokuba iProteas ibisoloko iyinto yokuhlekiswa kwabaninzi kwiqakamba - kodwa uBavuma uye waziphatha njengenkokeli yokwenene. Ukuphephile ukuthetha kakubi ngeqela eloyiswe nguMzantsi Afrika emdlalweni wokugqibela nangona abadlali balo bebethetha kakubi ngelakhe.
"Ndinethemba lokuba umsebenzi esiwenzileyo kule tumente uya kuthethelela ukufika kwethu emdlalweni wokugqibela," utshilo uBavuma emva komdlalo echwayitile kodwa ngomoya ophantsi njengesiqhelo emva kwemidlalo.
"Ngethuba kuqhokra thina ebaleni, sibavile abadlali bayo iAustralia besibiza ngamagama. Okuhle ngoku kukuba amagama wethu abhalwe ezincwadini zento engazange yenzeka ngaphambili.
"Impumelelo esiyizuzileyo ikhethekile futhi isinika ithuba lokumanyana singabantu baseMzantsi Afrika," utshilo uBavuma. Kanti yena uMakram uvumile ukuba impumelelo yeProteas ithathe ixesha elide futhi ifumaneke nzima kakhulu.