USiya Kolisi noogxa bakhe enkampini yeSpringboks ekulungiselelwa kuyo imidlalo ezayo.
Image: Springboks
Emva kokuqala kwenkampu yeqela lesizwe lombhoxo kwiveki ephelileyo, uRassie Erasmus uqinisekisile ukuba uza kuqhubela phambili nokudlalisa abadlali abohlukileyo emidlalweni yale sizini ngoba iliso lakhe likwitumente yehlabathi ezayo.
Lo ngqondongqondo womqeqeshi usebenzise abadlali abatsha abaninzi kunyaka ophelileyo kwilinge lakhe lokuhlaziya Amabhokobhoko anabadlali abadala, kodwa uninzi lwabo olungazukwazi ukuya kwitumente yehlabathi elandelayo ngonyaka ka2027.
Nangona inani labadlali abachongiweyo licuthiwe langaphantsi kwamashumi amahlanu, okuhle kukuba balithoba abadlali abatsha abahlonyelweyo kwiqela lakhe elilungiselela ukudibana neBarbarians emdlalweni weCastle Lager ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga yeSilimela.
Emva koko, Amabhokobhoko aza kudibana etshatshalazeni ne-Italy emidlalweni emibini yovavanyo eza kubanjelwa ePitoli naseGqberha ngokulandelelana ekuqaleni kwenyanga ezayo. Phakathi kwabadlali abatsha abaza kudlalela iSpringbok okokuqala ebomini babo kukho uMarnus van der Merwe, Asenathi Ntlabakanye, uNeethling Fouche, uRenzo du Plessis, uVincent Tshituka, uEthan Hooker noNtokozo Makhaza.
"Sizimisele ukwenza ngendlela efanayo neyonyaka ophelileyo. Sifuna ukubona abadlali abadala nabatsha benceda iqela ebaleni," utshilo uErasmus ongoyena mqeqeshi ohlonitshwayo eMzantsi Afrika nowoyikwayo embhoxweni wehlabathi lonke emva kokuba encede Amabhokobhoko kwitumente yehlabathi kabini.
"Sisenabo abadlali abanokudlala kude kube ngunyaka ozayo - kodwa lo nto ayiwunciphisi umsebenzi ekufuneka siwenze ebaleni. Iliso lethi silibeke kwituemnte yehlabathi engonyaka ka2027. Sifuna ukulungisa iingqondo zethu kulo nyaka ngokuthi sizame ukuphumelela yonke imidlalo sisebenzisa abadlali abatsha nabanamava.
"Umsebenzi esizibekele wona kukuqinisekisa ukuba siya kwitumente sinabadlali abanemidlalo yovavanyo engaphezulu kweshumi elinesihlanu. Izinto zihambe kakuhle kwiveki yethu yokuqala enkampini," utshilo uRassie othembise ngobajonga nabadlali abonzakeleyo abaninzi.