Ezemidlalo

UMonyane odakumbiswe kukushiya iPirates unethemba lokuhle ebomini

Pedro Mapelo|Published

ULucas Radebe noThabiso Monyane ongazibona edlalela iKaizer Chiefs emva kokuhamba kwi'Orlando Pirates.

Image: Facebook

Emva kokuchithwa kwakhe kwiveki ephelileyo yi'Orlando Pirates, uThabiso Monyane uvakalise ukuqaqamba kwentliziyo yakhe ekuqaleni kwale veki. UMonyane uphakathi kwabadlali abakhululweyo yiPirates emva kokuphelelwa kwezivumelwano zabo zengqesho.

"IPirates kuphela kwekhaya lebhola endilaziyo ebomini bam," utshilo evakalisa ukukhathazeka kwakhe kwingxelo ebhaliweyo esasazwe kumakhasi onxibelelwano. UMonyane wafika esemncinane kwiPirates kwiminyaka elishumi elinesithathu eyadlulayo.

Kothuke abantu abaninzi xa kukhululwa uMonyane noPaseka Mako. Bobabini kufuneka bakhangele amakhaya amatsha phambi kokuqala kwesizini ezayo. "Njengokuba ndivala eli cala lobomi bam, intliziyo yam ibuhlungu - kodwa ndinethemba lokuhle ebomini obuzayo.

"IPirates ibiyinto yonke kum ndiseneminyaka elishumi elinambini ukuza kutsho kumashumi amabini anesihlanu endinawo ngoku. Kuhle ngoba ndihamba ndineenkumbulo ezintle emva kokuba ndiphumelele iindebe kuyo," utshilo uMoyane.

Wenze amazwi ombulelo kubalandeli nakusihlalo wePirates abamxhasileyo ebudeni beminyaka. "Ndibulela inkxaso endiyinikwe ngabalandeli. Incoko yenu yiyo ebindikhuthaza kwaye ndakuhlala ndinikhumbula. Ndibulele kuSihlalo, abaqeqeshi nakubadlali endihlelisene nabo kakuhle.

"Indima eniyenzileyo ebomini bam indenze umntu endinguye namhlanje. Ndiza kuqala uhambo olutsha ndixhotyiswe ngemfundiso yenu. Ndakuhla ndinombulelo futhi kuluvuyo ukuba yinxalenye yembali yePirates," utshilo uMonyane owanyuselwa ngo2019.

Uhamba edlale imidlalo engaphezulu kwamashumi alithoba phantsi kwegama lakhe uMonyane. Wanyuselwa emva kokudlala kakuhle kwiDStv Diski Challenge ngo2019. Akakwazanga ukudlala njengabanye abadlali abanikwe amathuba yiPirates ngoba ebesoloko ekhathazwa kukonzakala.

Kube njalo nakuMako odlala kakuhle - kodwa onengxaki yokonzakala. UMonyane noMako kuthiwa bafunwa yiKaizer Chiefs. Noxa kungekabikho nto ethethiweyo yiChiefs - kodwa kuthiwa iingxoxo ziqhubela phambili.