uASHLEY Cupido noSinoxolo Kwayiba bancede aBafana Bafana ababethe iMozambique emdlalweni obusePeter Mokaba Stadium.
Image: BackpagePix
Ifolosi yeChippa United, uSinoxolo Kwayiba, inethemba lokuba igowuli elifumene kwiqela lesizwe liza kuvula iminyango yamaqela amakhulu eMzantsi Afrika. UKwayiba uxelele iSABC Sport ukuba kumvuyisa kakhulu ukufumana igowuli lakhe lokuqala edlalela iqela lesizwe.
Le folosi yaseGqeberha ikuthethe oku emva kokuba aBafana Bafana bequthise iMozambique ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngoLwesibini wale veki. Nangona ebizelwe kaliqela nguHugo Broos kwiqela lesizwe, ebeqala ukufaka igowuli emdlalweni ogqithileyo.
Lifike ngexesha elihle kusondela iAfrican Cup of Nations nexesha lokuhamba kwabadlali ebholeni yaseMzantsi Afrika. "Ndonwabe kakhulu ngoba kudala ndithandazela ukufumana igowuli kwiqela lesizwe," utshilo uKwayiba emva komdlalo obumhle ePolokwane.
Umdlalo waBafana Bafana ulandele omnye abadlale ntanganye ngeqanda neTanzania kwiveki ephelileyo. Umqeqeshi udlalise iqela elohlukileyo emdlalweni wale veki ngoba injongo yakhe kukujonga abadlali aza kubahlomela kwiqela lakhe loophopho abaza kudlala kwiAfrica Cup of Nations ekuthambekeni kwalo nyaka eMorocco.
Wandise amathuba okuchongwa kwakhe uKwayiba ngegowuli elifumeneyo. "Kudala ndifaka amagowuli phaya kwiPSL - kodwa bendisoloko ndithandazela kwiqela lesizwe. Ndonwabe kakhulu emva kokuzalisekiswa kwephupha lam. Kuhle ukuba yinxalenye yabadlali endinbo enkampini ngoba yonke imihla siyafunda," utshilo. "Bendingaqali ukudlalela aBafana Bafana - kodwa kokokuqala ndiqaliswa umdlalo.
"Ndinethemba lokufumana elinye ithuba lokudlala nokudlalela iqela elinye lamaqela amakhulu emva koko ndiye phesheya. Lo nto iza kwenzeka. Ndifuna ukudlalela nokuba leliphi kulawa makhulu," utshilo uKwayiba nangona engafunanga ukutsho iqela afuna ukulidlalela. Phambi kokuvalwa kwesizini, kuvele iindaba ezithi uza kuthathwa yi'Orlando Pirates enembali yokuthatha abadlali kwiChippa United.