Ezemidlalo

UNabi uncomile kakhulu uAden McCarthy obeqala ukudlalela iChiefs

Pedro Mapelo|Published

uAden McCarthy uqhwatyelwe izandla ngumqeqeshi wakhe emva kokuqhuba kakuhle emdlalweni wakhe wokuqala weBetway Premiership.

Image: Kaizer Chiefs

Nangona iKaizer Chiefs ingakwazanga ukufumana iziphumo ebizifuna emdlalweni ogqithileyo - kodwa umqeqeshi umtyibele ngamazwi amnandi uAden McCarthy. UNasreddine Nabi uthethe ngoMcCarthy emva kokuba iChiefs ibambene ngegowuli elinye macala neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngempelaveki egqithileyo.

UMcCarthy, ongunyana kaFabian McCaerthy owayengumdlali ophambili weChiefs, unikwe ithuba lokuqala lokudlala kwiPSL nguNabi emdlalweni ogqithileyo. Nakubeni ebeqala, uqhube kakuhle kakhulu emdlalweni obunzima.

UMcCarthy, 21, ungeniswa kwiqela elidala emva kokunceda iChiefs edlala kwiDiski Challenge futhi eziintshatsheli zesizini esongwe ekuqaleni kwale nyanga. Endaweni ka-Inacio Miguel noBradley Cross, abebengekhoyo ngenxa yamakhadi, kusetyenziswe umqheliswa.

Amakhosi axheshwe zisuka emdlalweni obuseLimpopo kwafakwa igowuli kuwo emzuzwini wesihlanu. Ngethamsanqa, uGlody Lilepo uphendule emzuzwini wokugqibela kwisigaba sokuqala. "Asikwazanga ukudlala umdlalo odibeneyo emva ngoba bekudibene abadlali abangaqhelananga ncam," utshilo uNabi ethetha ethivini emva komdlalo.

"Nangona kunjalo, mandivuyisane nomdlali ofana noAden McCarthy obeqala ukudlala kwiPremier Soccer League. Udlale ngendlela encomekayo kakhulu. Sidlale kakuhle ngoba sikwazile nokufumana igowuli emzuzwini wokugqibela kwisigaba sokuqala. Emva kokuhamba emva, sikwazile ukubuya ngamandla emdlalweni," utshilo umqeqeshi.

Amakhosi ahleli kwindawo yethoba, ngaphandle kweTop-8. UNabi uthe iqela lakhe liza kulwela amanqaku amathathu xa lidibana nePolokwane City emdlalweni wokugqibela. Emva kokuba Amakhosi ekwazile ukuncumisa abalandeli ngendebe yeNedbank kwiveki ephelileyo, ngoku kunyanzelekile alwele ukungena kwiTop-8 ngoba ibiwaphosile kwisizini edlulileyo.

"Kunyanzelekile silwele amanqaku amathathu. Ngeke kube lula kodwa Sinethemba lokubuya kwabadlali abanqunyanyisiweyo. Emdlalweni wanamhlanje, besingenalo ilalela elidlala emva. Mandibancome abadlali bethu ngoba balwile emdlalweni," utshilo uNabi othe lisekhona ithuba lokungena kwiTop-8.