Ezemidlalo

UMakgopa uchaza okuncede iPirates eyoyise iChiefs kwakhona

Pedro Mapelo|Published

Evidence Makgopa Ifolosi ye'Orlando Pirates, uEvidence Makgopa, ifaka igowuli kuBruce Bvuma emdlalweni weBetway obuseFNB Stadium.

Image: BackpagePix

Ifolosi ye'Orlando Pirates, uEvidence Makgopa, ichaze eyona nto ebancedileyo ukuze bakwazi ukoyisa iKaizer Chiefs emdlalweni ogqithileyo. UMakgopa uvakalise uchulumanco olukhulu emva kokuba iPirates, ehambe emva ithutyana, ibhukuqe iChiefs emdlalweni weBetway Premiership obumhle eFNB Stadium emalanga woMgqibelo odlulileyo.

Amakhosi atsazise igazi kuqala ngebhola efakwe nguGlody Lilepo - kodwa uye waphendula uMakgopa ngebhola ayifake phakathi kwemilenze kaBruce Bvuma. IPirates iphumelele umdlalo wayo wesihlau phantsi kukaJose Riveiro yatsho yaqinisa indawo yayo yesibini kwiBetway Premiership emva kweMamelodi Sundowns ebethe iCape Town City ngamagowuli amabini eqandeni eKapa ngempelaveki.

Emva komdlalo, uMakgopa unikwe iwonga lomdlali oqaqambileyo ngenxa yegalelo lakhe emdlalweni ophunyelelwe yiPirates encedwe ligowuli lesibini elifakwe nguRelebohile Mofokeng. "Inye into endifuna ukuyithetha, asinikezelanga emdlalweni nakubeni befake igowuli kuqala emdlalweni," utshilo uMakgopa encumile emva komdlalo.

Nakubeni ukubetha iChiefs kungenzi mahluko omkhulu kumsantsa ovulwe yiSundowns - kodwa yinto enkulu kwiPirates. Iye emdlalweni iqhwalela ngoba ibibethwe emidlalweni emibini ilandelelana. "Emva kokuphulukana nemidlalo ilandelelana, bekunyanzelekile siphumelele namhlanje.

"Sinemidlalo ebalulekileyo esijamelene nayo. Iya ndichulumancisa indlela abadlale ngayo abadlali. Khange banikezele nangona iChiefs iqale yafaka igowuli. Into ebaluleke ngomdlalo wanamhlanje kukuba uyasikhuthaza njengokuba silungiselela ezayo.

Umqeqeshi wePirates ushiyeke encumile ngoba uza kuhamba xa kuphela isizini eyibethe kahlanu iChiefs ingaphindisanga yona. "Kumnandi ukubetha iChiefs kahlanu. Ndinethemba lokuphumelela futhi, hayi kuba ndifuna imbali entle," utshilo uJose Riveiro ethetha neentatheli emva komdlalo ogqithileyo.