UPhumelela Cafu oyimbethemanqindi exhagwe nguColin Nathan noLarry Wainstein. Umfanekiso: Facebook
Emva kokuphumelela intshinga yeSuper-Flyweight ekuthambekeni konyaka ka2024, uPhumelela 'The Truth' Cafu, ukulungele ukuthatha inyathelo eliya phambili kulo nyaka omtsha. UCafu ube yintshatsheli yehlabathi emva kokubetha uKosei Tanaka emlweni angasoze awulibale eJapan.
Le mbethimanqindi inethemba lokuhle nakulo unyaka ngoba izinto zayo zihamba kakuhle oko yakufulathela iMpuma Koloni yaya eGoli - apho iqeqeshwa khona nguColin Natha ohamba phambili ngokuvelisa iintshatsheli zamanqindi. Inkampani yabathelekisi, iNo Doubt Management, uthe uColin Nathan uneengxoxo aphezu kwazo noTeiken Promotions ngomlo olandelayo kaCafu kulo nyaka mtsha.
"Ndiza kuyekela yonke into kuColin Nathan. Bendingathanda ukulwa noGonzalez xa ndikhusela intshinga. Singalwela nokuba kuphi apho afuna khona. UGonzalez yimbethimanqindi esemgangathweni ophezulu futhi enembali. Nam ngoku ndifuna ukwenza eyam imbali," utshilo uCafu kwingxelo ekhutshwe kuFacebook.
UNathan uvumile ukuba ikhona into ayiphekayo nogxa wakhe oseJapan - kodwa akukabikho nto egqityiweyo. "Zimbini izinto eziphambi kwethu. Ebekhona amahumhum athi siza kudibana noRoman Gonzalez ofuna intshinga kaCafu. Iingxoxo zethu zikwinqanaba eliphezulu noxa kungekagqitywa nto.
“UPhumelela ufuna ukulwa. Nam ndifuna alwe - kodwa kufuneka silungise izinto ezithile kuqala. Ukuba ayiphumeleli le, sendithethe noMnu. Honda malunga nokulwela kukaCafu apha eMzantsi Afrika," utshilo uNathan. Ngokutsha kwakhe uNathan, ukuba uCafu angadibana noGonzalez - umlo wabo ngeke ube lapha eMzantsi Afrika.
Umphathi weBoxing 5, uLarry Wainstein, uyazixhasa iinzame ezenziwa nguNathan futhi akakuchasanga nokulwela kukaCafu apha eMzantsi Afrika xe ezama ukukhusela intshinga yakhe yehlabathi yokuqala. USivenathi Nontshinga yenye imbethimanqindi ephantsi kukaNathan ekulindeleke ixakeke kulo nyaka emva kokuphulukana nentshinga yayo kunyaka ogqithileyo.