UJayden Adams ongumdlali weStellenbosch FC usendleleni eya kwiMamelodi Sundowns. Umfanekiso: ©Nokwanda Zondi/BackpagePix
Omnye wabadlali abanekamva eliqaqambileyo ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika, uJayden Adams, kulindeleke ukuba atyikitywe yiMamelodi Sundowns kungekudala. Ingxelo ejikeleza kumajelo eendaba ithi iStellenbosch FC ivumile ukuthengisa uJayden emva kokukhaba ngawo omane phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo kunyaka ophelileyo.
Khange incame iSundowns nakubeni iqela laseNtshona Koloni labeka imali engaphezulu kwezigidini zeerandi ezingaphezulu kwamashumi amathathu (R30-million). Kuthiwa iSundowns ivumelene neStellenbosch, okuseleyo ngoku kukuba ivumelane nomdlali ngemali aza kuyibhatalwa.
UJayden ulandela uIqraam Rayners owenza iziqwenga kwiSundowns emva kokuthengiswa naye ekuqaleni kwesizini. Nakubeni iSundowns ingekasenzi isibhengezo ngoJayden – kodwa ingxelo ithi yonke into icalanye. Ukuthathwa kwakhe uJayden kutyhila ngokupheleleyo ikamva lakhe emva kweengxelo ebezisoloko zimoyamanisa namanye amaqela amakhulu eGauteng.
UJayden, 23, unomtsalane emaqeleni amakhulu ngoba ngumdlali osemgangathweni ophezulu. Uphakathi kwabanye babadlali abancede iStellenbosch FC engene yaphelela okokuqala kumjikelo olandelayo weCAF Confederation Cup.
Ethetha emva komdlalo izolo, uSteve Barker uzingombe isifuba emva komsebenzi omhle owenziwe liqela lakhe kwiConfederation Cup. Kodwa nangona kunjalo, akavumanga ukuthetha ngokuhamba kukaJaydan phambi kokusongwa kweengxoxo ngaye.