Entsimini

ILand Bank ityale ikhulu lezigidi kumafama asakhulayo

Siyabulela Mqikela|Published

ILand Bank ityale izigidi ngezigidi ukuphucula umsebenzi wamafama asakhasayo kwicandelo lezolimo.

Image: Karen Sandison/Independent Newspapers

Ibhanki yakwaLand Bank ityale imali ekwikhulu lezigidi zeerandi ngeenjongo zokuba kukhuliswe amafama amancinci nalawo asakhulayo ukuze aqine kwezolimo.

Enye yeenjongo eziphambili zeli phulo kukulwa ingxaki yokunqongophala kokutya okuthwaxa uMzantsi Afrika ngokubanzi.

USydney Soundy wakwaLand Bank uthi eli phulo lijoliswe ukuphendula nokusombulula iingxaki zangaphambili ezibangele ukungalingani phakathi kwabantu.

"Amafama amancinci agalele imali encinci kakhulu kwimali ngeniso eyenziwa zezolimo, oku kungenxa yokuba abanamathuba, abazange babenawo, bagalela umyinge wepesenti enye kuphela ekhulwini, kwaye yimveliso yeetapile eyenza umahluko obonakalayo," kutsho uSoundy. 

Uthi kweli linge basebenzisana neenkampani eziquka uWoolworths okwadlala indima enkulu ukuthengisa iimveliso zolimo ezilinywa emasimini.

"Le ntsebenziswano ziinzame zokuba siguqule loo meko ukuze amafama amancinci afumane ithuba nawo ukuze athengise angenise imali, kufuneka axhotyiswe ngalo lonke ulwazi oludingekayo," ucacise watsho uSoundy.

Uthi ngendibanisela yeenzame zabo bajonge ukunabisa uncedo ngokucacileyo kumafama asakhulayo ukuze avelise ngokwaneleyo ukuze anyukele ngasentla kwezolimo. 

Kudala kuthethwa ngokukhuliswa kwamafama asakhulayo kwezolimo ukuze bangenise imali yokukhulisa ulimo nokufuya.

Ibhanki yakwaLand Bank yenye yeebhanki zeli ezincedisa amafama asakhulayo kwiinzame zokwandisa umsebenzi wawo.

Ukukhula kwamafama amancinci kunegalelo lokuhlumisa imeko yezoqoqosho kwilizwe.