Ibhunga leARC licebisa amafama ngexesha elifanelekileyo lokutyala iitapile.
Image: iStock
Ibhunga elijongene nophando nzulu ngezolimo kweli iAgricultural Research Council (ARC) licebisa ukuba iitapile zingalinywa kwiindawo ezithile zeli loMzantsi Afrika ukusukela kwinyanga yeThupha.
Olu lulwazi olujoliswe ngqo kumafama asaqalayo ngeenjongo zokuwaxhobisa ukuba akwazi ukuqalisa ukulima iitapile ngokukuko. Ingxelo yeARC ithi itapile sisityalo esithandwa kakhulu ukutyalwa kwiimeko ezinemozulu epholileyo ukuze zikwazi ukuqhuba kakuhle.
Ezi ngcebiso zithi amaphondo aneendawo ezifunyanwa liqabaka anokulinda kancinci ukungena kwintlakohlaza phambi kokuba balime iitapile.
Kaloku igqabi leetapile alidibani nengqele egqithisileyo kuba xa kutshe lona kutsha inzala ngaphantsi komhlaba. Amaphondo aquka iFreyistata neMpumalanga akhuthazwa ukuba atyale ngokuxhomekeke kwingxelo yamagosa emozulu.
Iitapile zikholwa kakhulu ngumhlaba onokufuma okwaneleyo ingebubo ubumanzi, amaqondo obushushu wona amele ukuba abephakathi kwesixhenxe ukuya kumashumi amabini iselisiyasi, itsho le ngxelo. Umhlaba ekulinywa kuwo iitapile kumele ukuba ibengumhlaba apho kufanele ukuba kutyalwe izityalo ezahlukeneyo kungatyalwa iitapile oko.
UJustin Platt ucebisa ukuba amafama weetapile alungiselele ukuba atshintshe isityalo atyale esinye rhoqo emva kweminyaka emihlanu yokutyala.
"Phambi kokutyalwa kweetapile kumele ukuba umfama abenayo ingxelo yokuba umhlaba wakhe ngumhlaba onjani, odinga ntoni ukuze alandele ezo ngcebiso," kutsho uPlatt.
Ukulungiswa komhlaba phambi kokuba kutyalwe yenye yeendlela eziphambili zokuqinisekisa ukuba umhlaba lowo ukulungele ukuba kungatyalwa kuwo iitapile ezo.
"Umhlaba olungiswe ngokukuko ngumhlaba obunzulu buziisentimitha ezilishumi elinesihlanu, oku kwenzela ukuba izithole zakho zikwazi ukunaba phantsi komhlaba zingenangxaki," kutsho uPlatt.
Ukuna kwemvula kuninzi lwamaphondo oMzantsi Afrika ngeli xesha kuthetha ukuba amafama wemifuno, kuquka iitapile, bangaqalisa ukulungiselela ukutyala kwabo.