Entsimini

Ikamva lezolimo kweli lixhomekeke kulutsha, kutsho uSteenhuisen

Siyabulela Mqikela|Published

UMphathiswa weSebe lezoLimo uJohn Steenhuisen uthi ikamva lezolimo eMzantsi Afrika lixhomekeke ekuthatheni inxaxheba kolutsha.

Image: Henk Kruger/Independent Newspapers

UMphathiswa weSebe lezoLimo kweli uJohn Steenhuisen uthi udinga amagama okucacisa ukubaluleka kwendima ekumele idlalwe lulutsha kwezolimo kweli loMzantsi Afrika.

Lo Mphathiswa uthethe oku ngethuba ebencoma igalelo lezolimo ekukhuliseni uqoqosho lelizwe loMzantsi Afrika ngokubanzi.

"Kukho imfuneko eninzi yokwandisa intatho nxaxheba yolutsha kwezolimo kwilizwe loMzantsi Afrika, ngaphandle koko asisoze siyibone impumelelo," kucacise uSteenhuisen. 

Uthetha oku ekwayamanisa nenyanga yeSilimela eyathi yamiselwa njengenyanga yolutsha kweli loMzantsi Afrika ukusukela oko kwathi kwalawula urhulumente wesininzi.

"Ikamva lelizwe loMzantsi Afrika kwakunye nekamva lezolimo kweli lixhomekeke ngokumandla kwintatho nxaxheba yolutsha kwezolimo ngokubanzi," kutsho uSteenhuisen. Lukhona kwaye luninzi ulutsha oludlala indima ebalulekileyo kwezolimo, kodwa uSteenhuisen ukholelwa ukuba kufuneka kwenziwe nangaphezulu ukunika ulutsha amathuba.

"Kufuneka size namacebo okuhlupheza ulutsha ukuba lulandele luthande ngamandla iinkqubo zolimo ukuze bathathe inxaxheba ngokupheleleyo kwezolimo," kutsho uSteenhuisen.

Uthi urhulumente kufuneka akulungele ukuchitha imali ekhuthaza ulutsha ukuba luthathe inxaxheba ngamandla kwezolimo.

"Iindlela ezifikelelekayo zokunikisa ngoncedo lokulima, imfundo ehambelana nala maxesha ukuze ulutsha lukhuthale ukufunda ezolimo nokunikwa kwabo ithuba lokuba batsho ukuba bafuna ntoni ngeempilo zabo kwezolimo," gadlele watsho uSteenhuisen.