Buxhotyiswe ngogandaganda ubuKumkani babaThembu eBumbane. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Kwiinzame zokukhulisa nokuqinisa iinkqubo zokuvelisa ukutya kweli leMpuma Koloni, iSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle linikise ngogandaganda kwikomkhulu labaThembu eBumbane.
Ingxelo yeSebe ithi lo gandaganda oxhotyiswe ngezixhobo zokusebenza sisipho esisuka kwela Sebe sisiya kwiKumkanikazi uNokwanda Dalindyebo.
ISebe lithi esi sipho kulindeleke ukuba sivuselele ngaphandle kwamathandabuzo inkqubo yokuveliswa kokutya ngokulima eBumbane neelali ezingqongileyo. Amaxesha amaninzi amakomkhulu noluntu ngokubanzi luhlala lukhala ngezixhobo eziquka ugandaganda ngelithi abanazo.
Esi sipho siquka ikhuba lokulima, idiski, isixhobo sokutyala nokuvuna iitapile nezinye izixhobo zokusebenza umhlaba ngokulima.
IMpuma Koloni lelinye lamaphondo ahamba phambili ngokuba nomhlaba owaneleyo wokulima ongasebenziyo ezifama nakumasimi asekuhlaleni.
UMphathiswa wela Sebe, uNonceba Kontsiwe, uthi beli Sebe baqaphele imfuneko yokwandisa amalinge okulwa nendlala eMpuma Koloni.
“Siqaphele ukuba kukho ingxaki yokunqongophala kokutya eMpuma Koloni, saqonda ukuba ukuze silwe le ngxaki kufuneka sisebenzisane neenkokheli zemveli ukuze sisebenze ngempumelelo,” kutsho uKontsiwe.
Uthi banikise ngezi zixhobo kwikomkhulu kuba besazi ukuba lona liyazazi iimfuno zabantu balo. “Sijonge ukuba kuveliswe ukutya ukusukela kwinqanaba eliphantsi ukuya kwinqanaba eliphezulu ukuze kuthengiswe ukutya nangaphandle kwezi lali,” uhambisa atsho uKontsiwe.
Ngaphambili ela Sebe lagqithisa izixhobo ezifana nezi kwikomkhulu lamaMpondomise kuQumbu ngenjongo enye yokukhuthaza ukuveliswa kokutya.
Kuthiwa iBumbane ibonwe njengeziko lokuvelisa iitapile kwisithili saseOR Tambo ngokweenjongo zikarhulumente weMpuma Koloni.