UWandile Sihlobo oyingcali yemicimbi yezoqoqosho kwezolimo uthi kuyothusa ukubona ukuba amafama amnyama afaka umyinge weshumi ekhulwini leepesenti kuphela kwingeniso yezolimo.
USihlobo uthethe oku xa ebesenza ingxelo malunga nomgama osele uhanjiwe kwezolimo kweli kwimingxilo eyahlukeneyo.
“Kulo nyaka uphelileyo iimveliso zolimo zeli ezithengiswe kumazwe angaphandle zingenise imali ekumakhulu amabini eebhiliyoni zeerandi, kodwa lishumi leepesenti kuphela umsebenzi wamafama amnyama oyinxalenye yoku,” kutsho uSihlobo.
Olu luluhlu lwamafama akwinqanaba lokuthengisa umyinge omkhulu wemveliso yawo, kwaye kuyacaca ukuba kusekude kumafama amnyama.
“Umbuzo obaluleke kakhulu apha ngowokuba kutheni amafama amnyama esafaka igalelo elincinci kangaka emva kweminyaka engamashumi amathathu yenkululeko,” kutsho uSihlobo.
Uthi kumele ukuba kukhawuleziswe ukukhuliswa komsebenzi wamafama amnyama kwezolimo ukuze akhule nawo.
“Kwincwadi yam ethi, ‘A Country of Two Agricultures’, ndithethe banzi kakhulu ngalo mcimbi ngelizama ukuvula amehlo abantu abaninzi,” kucacisa uSihlobo.
Kutshanje amafama aseMntla Ntshona akhalazele into ayibize ngokuba bubuhlanga kwezolimo kwela phondo. Amafama amnyama asasokola ukukhulisa amashishini awo ngokuthengisa okanye ukufumana inkxaso kwizibonelelo zikaRhulumente.
Ezolimo kweli zenza umyinge weepesenti ezintathu kuphela ukugalela kwingxowa-mali kazwelonke ekugalelwa kuyo ngamasebe onke kaRhulumente.
USihlobo ukwakhalazela ukunganikwa kwamanina ithuba elicacileyo kwezolimo kwilizwe loMzantsi Afrika. “Ziifama ezingamashumi amane amawaka ezikwinqanaba lokuthengisa kumgangatho ophezulu kweli nakwihlabathi, kuzo zonke anqabile amafama angamanina,” kutsho uSihlobo.
Uthi ngamashumi amabini ekhulwini eepesenti iifama ezithengisa kwinqanaba eliphezulu ezinabanikazi bazo abangamanina eMzantsi Afrika.
“Okona kothusa kakhulu kukuba amafama angamanina maninzi kakhulu kwinqanaba elisezantsi kwezolimo, kodwa asiwaboni ekhula ukungena kwinqanaba lokuthengisa kakhulu,” utsho uSihlobo.
Uhambisa athi makukhangelwe amacebo okukhulisa amafama angamanina ngokukhawuleza kwezolimo.