Amaxesha amaninzi amafama athatha izigqibo eziye zifuthele imiphumela yeenjongo zabo kumsebenzi wokulima.
Ukukhetha izityalo ngokufanelekileyo kubaleleke kakhulu kuba sesi sigqibo esiqulethe iziphumo zako konke okunqwenelayo njengomfama.
Maxa wambi umfama uthatha isigqibo sokutyala isityalo esithile, kanti eso sityalo asifanelekanga ukutyalwa. Oku kubangela ilahleko emandla kumfama lowo ngokutyala izinto ezingafanelekanga kumhlaba wakhe.
Khumbula ke ukuba ezi zityalo ziyathengwa, ngoko ke ilahleko eyenzeka apha yilahleko engokwezimali ngaphandle kwamathandabuzo. Isigqibo sokuba utyala ntoni sihambelana nemeko yemozulu yendawo leyo uhlala okanye uzakutyala njengomfama.
Kaloku isityalo esi sixhomekeke kwimozulu yendawo esikuyo ukuze sikwazi ukukhula sifikelele kwinqaba lokuba sivelise ukutya.
Oku kuhambelana nokuba umhlaba lowo kutyalwa kuwo ufanelene na ukutyalwa kwesityalo eso umfama afuna ukusityala. Ngenxa yesi sigqibo kuye kunyanzeleke ukuba kuqatshelwe ukuba ingaba ikhona na imfuneko yokuba utyetyiswe umhlaba.
Ukuba ikhona imfuneko yokuba kutyetyiswe umhlaba lowo, utyetyiswa ke ngomgquba nezinye izinto. Makutyalwe kwindawo engenamatye, enganamibhobho ehamba phantsi komhlaba lowo.
Kumele ukuba umfama aqinisekise ukuba izityalo zakhe azinakumbangela ukuba asebenzise imali eninzi ukuthenga izichumiso. Kodwa oku akuthethi ukuba mazingasetyenziswa izichumiso xa kukho imfuneko yokwenza oko. Kumele ukuba nazo ke izichumiso ezo zikhethwe ngokufanelekileyo ukuze zenze njengokuba kulindelekile.
Amanzi asoloko ebalulekile ke mfama kumsebenzi wakho wokuba utyale isityalo othathe isigqibo ngaso. Izityalo zikuthanda kakhulu ukunkcenkceshwa ukusukela ngosuku lokuqala lokutyalwa kwazo.
Ixesha otyala ngalo libaluleke kakhulu mfama, khetha ixesha elifanelekileyo lokutyala izityalo zakho.