Ngabafundi abakwikhulu elineshumi elinesixhenxe lamawaka abantwana abathe baqalisa ukubhala iimviwo zokuphela konyaka eMpuma Koloni ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga.
UMphathiswa weSebe lezeMfundo kweli phondo, uFundile Gade utyelele isikolo saseMagxaki eGqeberha ngeenjongo zokubeka iliso kwinkqubo yokuqala kwezi mviwo.
Ishumi elinesihlanu lamawaka kwaba bafundi ngabafundi bethutyana, logama ikhulu elinesibini lamawaka ingabo bebefunda ngokupheleleyo. Ecacisa ngeenjongo neminqweno yeSebe lakhe ngezi mviwo, uMphathiswa Gade uthi: “Kulo nyaka siliSebe sizimisele ukuba sifumane amashumi asibhozo anesihlanu eepesenti ekhulwini,” kucacisa uGade.
UGade namagosa akhe kuquka nootitshala basebenze nzima ukulwa neengxaki ebeziphazamisa ukufunda nokufundisa eMpuma Koloni.
Ingxaki yokuthuthwa kwabafundi eMpuma Koloni yeyona ngxaki ibihamba phambili kulo nyaka. “Ulwazi esinalo lubonisa ukuba ngenene sikulungele ukufumana amashumi asibhozo anesihlanu eepesenti ekhulwini ngokolwazi esinalo ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka,” kutsho uGade.
UMphathiswa wezeMfundo kuzwelonke, uSiviwe Gwarube, uthi bakulungele ukusombulula zonke iingxaki ezinokuphazamisana nezi mviwo.
Sisigidi nekhulu abantwana abathi babhaliswa ngonyaka ka2013 ekumele ukuba babhala iimviwo zebanga leshumi kulo nyaka, kodwa kukho abangamakhulu amabini namashumi asixhenxe amawaka abangafikanga kwibanga leshumi. Oku kuthetha ukuba kubantwana abane ababhalisele ukufunda, omnye kubo akaqhubeki afike kwinqanaba lebanga leshumi.
Iphondo laseFreyistata lithi lizimisele ukuqhubeka ukuphumelela emagqabini kwiimviwo zebanga leshumi nanjengoko liqhele ukwenza.
Abafundi bebanga leshumi baqale iimviwo zabo ngokubhala ulwimi lesiNgesi.
Ingakho imfazwe yobukhaya eMzantsi Afrika