Kweli phondo leMpuma-Koloni basanqabile abantu abangamadoda abagcina okanye abaphangela kwizikolo zonomngqushwana iiKritshi ngamanye, kodwa yena uZamile Foca (62) wekhaya elijongene nabantwana iSinoncedo eDuncan Village eMonti ngomnye wabambalwa owaziwayo kweli phondo ophume izandla ngokuthi anase abantwana kuquka neemveku ezisenenyanga zizelwe.
Uthi uqale ngonyaka ka 2012 ukusebenza kwelikhaya emva kokuziqaphela ukuba unothando kwane nimba zizinto anazo emntwaneni.
“Ndithanda abantwana kwaye nabantwana bayandithanda. Uthi umntwana noba ebekhala esimantshiyane kunina ndithi ndakumthatha ndimbeke kum esifubeni umve ethe cwaka. Ndingathi sisiphiwo endisiphiwe ngo phezulu esi ndinaso kwaye esingenakuze sithathwe nangubanina,” utshilo uFoca
Ukwadiza ukuba bayakwazi ukuba bagciniswa nakuye endlini xa kungekavulwa esikolweni abantwana kuba abazali babantwana bamthembile.
Uthi uyabatyisa abenze yonke into eyenziwa emntwaneni utsho ezincoma esithi ungumpetha kwinto yonke kuquka nakulawulo lwekhaya eli iSinoncedo.
UFoca nongutata naye kubakhe abantwana, sincokole naye ngethuba bekuqeqesho le-INDIBANO kwiyunivesithi yaseFort Hare eMonti ethabathe iveki, apho iNelson Mandela Institute For Education And Rural Development ibiququzelele lendibano enjongo ikukusombulula umceli mngeni ojongene nabantwana abancinci ezikolweni abahlohlwa ngelwimi olungololwabo.
Obengu-mququzeleli woqeqesho olu uVuyo Baneti weliziko abalishunqula ngokuthi yiNMI uthi, oku ibikukuqinisekisa ukuba ulwazi luyakhula ebantwaneni ezikolweni zabo kwaye nokubonisa nokubaluleka kwesisieko semfundo emntwaneni.
“Eli phondo lisenomceli mngeni ezikolweni ingakumbi ezisemaphandleni apho abantwana basahlohlwa amabali ngesiXhosa abe ecatshulwa kwincwadi yesingesi, ngoku ke sizama ukulwana nezintop ezinajlo.”utshilo uBaneti
Ukanti nootitshala bonomngqushwana bebebonakalisa ukulithakazelela oluqeqesho njengokko bebengqina nabo besithi eyona mfundo ibalulekileyo yileyo iqalayo yabantwana.
UTatu Foca uthi enye yezinto eyamncedayo ekuze athenjwe ngabahlali kukuba ukhulela kula lokishi kwaye uluntu luyamazi ukuba ungumntu onjani. Uthi ukwayiyo nenkokeli apho, kwaye uqeqesha ootishala abafikayo, ekwa ngumntu unalo neliso elibukhali lokubona ootitshala abangenabo ububele babantwana.
Amapolisa aseMozambique alindele ukuqhambuka kolwaphulomthetho emva kokuqhwesha kwamabanjwa ayi1500