Owayesakuba ngumdlali weMamelodi Sundowns uSiyabonga Zulu ufumene ingozi yemoto ngentsasa yangeCawe esube umphefumlo wakhe kunye nogxa wakhe uNhlanhla Masina ababedlalela iPhezulu FC.
Esi sibini sasidlalela eli qela laseMpumalanga kwiABC Motsepe League. Iingxelo zithi le ngozi yenzeke eSecunda emva komdlalo wePhezulu FC neFC Sivutsa eDriekoppies eMpumalanga ngoMgqibelo.
Ngokutsho kweGoal, umntu wesithathu obekwingozi yemoto nobesakuba ngumdlali weMoroka Swallows, uThabo Mosadi, ukwimeko emaxongo esibhedlele.
Iqela langaphambili likaZulu, iSundowns, likhuphe ingxelo lithumela amazwi ovelwano. “USihlalo nosapho lakwaMotsepe, ibhodi yabalawuli, abadlali, abaphathi, abasebenzi, abalandeli beMamelodi Sundowns FC kunye neYellow Nation iphela bavakalisa amazwi ovelwano olunzulu kusapho nezihlobo ngethuba sikhala ngokushiywa nguSiyabonga Zulu owayedlalela iMamelodi Sundowns, nogxa wakhe ePhezulu FC, uNhlanhla Masina.
“Umdlali weBafana Bafana, uZulu, udlalele amaqela amakhulu aquka iOrlando Pirates, Chippa United, nePlatinum Stars.
“Sithandazela ukuba uSomandla athuthuzele kwaye omeleze izihlobo nabadlali ababekade bedlala kwiqela noZulu noMasina.
“Iingcinga zethu nemithandazo ikunye nabo babathandayo, iintsapho kunye naye wonke umntu onxulumene nePhezulu FC. Yanga imiphefumlo yabo ingaphumla ngoxolo.”
UGayton McKenzie uthi ukulungiswa kwe’Orient Theatre makuqale ngoMvulo