UNkosi Mwelo Nonkonyana: ‘Malinqunyanyiswe isiko lokwaluka’

UNkosi Mwelo Nonkonyana. Umfanekiso: ANC Parliament

UNkosi uMwelo Nonkonyana umemelela ukuba linqunyanyiswe isithuba seminyaka emibini isiko lokwaluka kweli ngenxa yengxaki yokubhubha kwabakhwetha.

Ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga ephelileyo, abazali bavunyelwe ukuba baqalise ukwalusa abantwana babo. Ngabakhwetha abasibhozo abasele bebhubhe eMpuma Koloni kwiingingqi eziquka iOR Tambo kwakunye neAmathole.

Kuthiwa umkhwetha obhubhe eCumakala kumasipala wesithili saseAmathole, ubhubhe ngokutshela ebhumeni.

“Enye yezinto ezinokwenziwa ukunqanda iingxaki kukuba linqunyanyiswe isiko lokwaluka isithuba seminyaka emibini, logama kuza kuba kukhangelwa izisombululo kwiingxaki ezibangela ukufa kwabantwana,” ucenge watsho uNkosi Mwelo Nonkonyana.

UNkosi Nonkonyana yenye yeeNkosi ekukudala zizama zisebenza nzima ukufumana izisombululo kwiingxaki zasebakhwetheni.

“Xa sisenza konke oku, kuza kufuneka ukuba sithethe nezizwe zethu, amasebe kaRhulumente noluntu ngokubanzi kukhangelwe izisombulo,” ubongoze watsho uNonkonyana.

Ngumsebenzi weeNkosi ukuza neziphakamiso ezifana nezi eluntwini ukuze kukhangelwe izisombulo kwiingxaki zokuhlala.

UNkosi Mwelo Nonkanyana umemelela ukuba linqunyanyiswe isithuba seminyaka emibini isiko lokwaluka. Umfanekiso: Bheki Radebe

IMpuma Koloni ijike yayinto yokuhlekisa ngenxa yesiko lokwaluka elisele lineminyaka lingahambi kakuhle kuba kubhubha abantwana.

Ngenxa yoku kubhubha kwabakhwetha esuthwini, uMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli eMpuma Koloni, uZolile Williams, uthethe wathi: “Sicela uluntu ukuba luthabathe inxaxheba kwiindawo abahlala kuzo ukulwa le ngxaki, kodwa singaqinisekisa ukuba abantu abalishumi elinesibhozo abaquka iingcibi namakhankatha sele bebanjiwe,” kucacisa uWilliams.

UNkosi Mpumalanga Gwadiso nguSihlalo wendlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uthi benze konke ukuzama ukuxhobisa uluntu. “Ayikho into esingayenzanga ukuzama ukuxhobisa wonke ubani, kodwa ke siza kuzama ukuba imeko ingabimbi ngaphezu koku,” kutsho uGwadiso.

UNonkonyana uthi kufuneka amanyathelo aqatha ukuzama ukuphelisa le ngxaki.