UNdlozi uvuyisana neenkokheli zombutho ezisanda kunyulwa

UMbuyiseni Ndlozi noJulius Malema. Umfanekiso: Luba Lesolle/Gallo Images

Obesakuba sisithethi se-Economic Freedom Fighters (EFF) uGqirha Mbuyiseni Ndlozi ude wathetha kumakhasi onxibelelwano emva kokuhlala ixesha elide ethe cwaka kulandela izinto ezithethwe yinkokheli yakhe uJulius Malema, emchaze njengomntu oqhutywa “kukuzicingela” esithi akayonkokheli ye-EFF.

UMalema ukwathe uNdlozi akakho mkhulu kunombutho we-EFF.

Nangona kunjalo, uNdlozi akayihoyanga kwaphela into ethethwa nguMalema ngaye nobukho bakhe kwiEFF.

UNdlozi uthumele umyalezo omfutshane kwikhasi lakhe likaX ebonisa umbulelo kwaye enqwenelela iinkokheli ezonyuliweyo okuhle.

“Sivuyisana neenkokheli ezisanda kunyulwa. Sibanqwenelela amandla nobulumko. Khumbula uxanduva lokusoloko siziphatha ngokunyanisekileyo nangembeko xa sisebenzisana ne-EFF kunye noluntu ngokubanzi.

“Yanga ningasikhokhela sonke ngesidima! Asinamona, Asinanzondo, Phila Ngonaphakade EFF.

“IKrisimesi emyoli kunye noNyaka oMtsha kumntu wonke! Ndininqwenelela inkululeko yezoqoqosho ebomini,” ubhale watsho.

UNdlozi ebethe cwaka nakumakhasi onxibelelwano oko kwahamba lowo ebesakuba nguSekela Mongameli uFloyd Shivambu, nto leyo yamfaka emanzini ashushu.

Oku kusemva kokuba kusaziwa ukuba wayesazi ngokuhamba kukaShivambu ukuya kuMkhonto weSizwe Party ekhokelwa ngowayesakuba nguMongameli uJacob Zuma kodwa woyisakala ukuxelela uMalema.

Kwenye yeendibano noonondaba, uMalema ukubeke kwacaca ukuba akazukubathemba abangcatshi abasondeleyo kuye.

Oku kukhokelele ekubeni uNdlozi athintelwe ekubeni aye kwindibano yesithathu ye-EFF yeNational People’s Assembly (NPA) ebibanjelwe eSoweto, eGoli ngempelaveki.

Akazange athintelwe kuphela kwinkomfa yabo yonyulo, uNdlozi akayonxalenye yekomiti ethatha izigqibo eliphezulu yombutho, iCentral Command Team (CCT).

Ukongeza, uMalema uthe nabani na ongekhoyo kwinkomfa yabo yonyulo makangathathwa njengenkokheli.

“Iinkokheli zethu zilapha, niyazazi nonke, nizityumbe iiyure ezintathu. Awunakuhamba apha usixelele ngeenkokheli ezingekhoyo,” utshilo uMalema xa evala intetho yakhe ngeCawe.

Nazi iinkokheli ezintsha ze-EFF:

UMongameli – Julius Malema

USekela Mongameli – Godrich Gardee

UNobhala Jikelele – Marshal Dlamini

USekela Nobhala Jikelele – Leigh Ann Mathys

USihlalo kaZwelonke – Noluthando Notshuku

UNondyebo Jikelele – Omphile Maotwe

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.