Ngomhla wesihlanu kule nyanga yoMsintsi ngonyaka ka1890 kwazalwa ingqondi, imvumi, umqambi ekwayititshala uBenjamin Peter Tyamzashe, uTshangisa.
UB.P Tyamzashe wayengumntwana wesine kubantwana abasixhenxe bakamfundisi uGwayi Tyamzashe. UGwayi Tyamzashe wabazalela kwidolophu yaseKimberly abantwana bakhe bosixhenxe.
Ukubhubha kukaGwayi Tyamzashe uBenjamin wayeminyaka emithandathu kuphela ezelwe. Emva kokubhubha kukayise uBenjamin Tyamzashe nabantakwabo bathunyelwa kweli leMpuma Koloni ukuba bazokukhulela koyisemncinci.
Amabanga aphantsi uwenze ePeelton eQongce uTyamzashe nalapho wafunda ukudlala iorgan. Uqale ukudlala iorgan eneminyaka elishumi kuphela uTshangisa, kanti eso sisiqalo sohambo olude nomculo.
Ngoncedo loyise mncinci ufumene ulwazi malunga nomculo wesiXhosa esemncinci, kwabe ngelo xesha kunkcenkceshelwa imbewu eqinileyo.
Phakathi ko1905-1909 uTyamzashe ufunde eLovedale yodumo echolachola ulwazi olathi lamlungiselela ikamva. Kulapho eLovedale apho waphuma ephethe isatifiketi sokufundisa kumabanga asezantsi.
Ngexesha wayeseLovedale wayekwacula kwikwayala yamadoda odwa, oku kwadlala indima enkulu ukumlola kuthando lakhe lomculo.
Ngo1918 wazimanya ngeqhina lomtshato noMercy Xiniwe baza balizwa ngabantwana abathandathu amadodana amane nentombi ezimbini.
UTyamzashe ufundise eDordretch, eCala naseMafikeng yaseRhawutini nakwezinye iindawo. Uqambe amaculo amaninzi asadlala indima kunanamhla oku kwintlalo yoluntu.
Wenza umgangaliso wokuqamba iculo elalisithi Zweliyaduduma elathi laculwa ngabantu abangamawaka amathathu ngo1947. Ukanti ngo1925 wayeqambe iculo elithi Ivoti, elathi nalo ladlala indima enkulu ukuphakamisa igama lakhe.
Ukuvulwa kweholo entsha eMount Arthur Girls High kuBangindlala ngalo minyaka yakhe, uTyamzashe waqamba iculo elithi uNobantu. Eli culo waliqamba evuyisana nokuvulwa kweloholo lalikumgangatho ophezulu ngokwa lomaxesha.
Ngo 1952 uqambe ingoma ethi Isikhukhukazi evuyisana nokubekwa esikhundleni kukaKumkanikazi wasemaNgesini. Elo culo laculwa ngabantu abangamakhulu amahlanu ngokwendlela awayesungule ngayo lokwayala.
Iculo elithi Amagqabi omthi lelinye lamaculo akhe aphambili elisasetyenziswa nanamhla oku. Iculo lakhe elithi Ududa nabo ixhalanga ledini lafumana imbasa ephezulu, oku kwenza ukuba anikwe isidanga esikwinqanaba leMasters yiYunivesithi yoMzantsi Afrika.
Ingoma ethi Sithandwa Sam nengoma ethi Dela ziculwe kakhulu nguSibongile Khumalo ngexesha lokucula kwakhe. Zombini ziqanjwe nguB,P Tyamzashe, kuye sithi Tshangisa, Skhomo, Zulu Mhlatyana.
Ubawo uBenjamin Peter Tyamzashe wabhubhela eMonti ngeyeSilimela ngo1978 emva kokuba wathi wanengxaki nesifo sentliziyo.
Imibutho ephikisayo ithi urhulumente makangayivumeli iMelika ibaqabela entloko