Umdlali wasesiswini weOrlando Pirates, uThalente Mbatha, uzikhabile izityholo zokuba unqunyanyisiwe ngenxa yokufika ejimini ephantsi kweempembelelo zotywala.
Iingxelo ezityhola ngelithi unqunyanyisiwe ngenxa yokuya ejimini enxilile ziqale ukuvela ngethuba uMbatha ephoswe yimidlalo yePirates yakutshanje.
UMbatha uziphendulele kuzo zonke ezi zityholo esithi abantu bazama ukummoshela nje izinto. “Bathi andiyi ejimini, nimamela yonke into. Ndisanda kubuya ejimini ngoku, abantu bangathetha nantoni na ngam, kodwa mna ndivela ejimini ngoku. Niza kundibona xa ndidlala kumdlalo neGolden Arrows,” utshilo uMbatha kwikhasi lakhe lika’Instagram kutshanje.
Uqhube wathi, “Ndicinga ukuba lo mntu uthethe le nto wazi ngcono, mhlawumbi nguye ondiqeshileyo, okanye nguye ophethe iqela. Uyabona xa usenza kakuhle, abantu baya kuhlala befuna ukwenza izinto ezizokuwisa.”
Umphathi kaMbatha, uMike Makaab, naye uphefumle malunga noku. “Kuyadanisa kakhulu ukubona kusenziwa izityholo ezinyelisayo nezingenasihlahla malunga nesimilo nokuziphatha komdlali webhola ekhatywayo. Libuvuvu eli bango lokuba uThalente Mbatha ufike ejimini ephantsi kweempembelelo zotywala,” utshilo uMakaab.
UMakaab uthe uThalente ebonzakele kwaye sele eqalile ukuzilolonga neqela lakhe. “Naziphi na iintetho zokuba ukungabikho kwakhe kubangelwe kukungaziphathi kakuhle akumoshi nje kuphela isidima sakhe kodwa kukwangcolisa igama lakhe,” utshilo uMakaab.
IPirates bekufanele idlale neGolden Arrows izolo ngokuhlwa eMpumalanga Stadium eHammarsdale kodwa umdlalo wamiswa ngenxa yamanzi amaninzi ebedame ibala.
Umdlalo uza kumiselwa umhla omtsha. IPirates ngoku izifumana irhuqa ngemidlalo emithathu emva kweMamelodi Sundowns ehleli enkcochoyini kwiBetway Premiership.
USteenhuisen utyelele uMisizulu