Umgxeki woosaziwayo odumileyo kumakhasi onxibelelwano, uMusa Khawula, useza kuquqa enkundleni emva kokuvela ngoLwesibini kwinkundla kamantyi eRandburg.
Uvele phambi kwenkundla ngesicelo sebheyile, nangona kunjalo, abamangalelwa bebengekakulungeli ukuqhubeka nalo mba, nto leyo ebangele ukuba lihlehliselwe umhla wama29 kweyoMqungu 2025 eli tyala.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eGauteng, uPhindi Mjonondwane, ucacisele oonondaba ukuba uKhawula ujongene nezityholo zokunyhasha isidima nokujongela phantsi inkundla.
Ukwanamatyala amabini asamisiweyo, elokubulala nelesibini lokuqhuba ngokungakhathali.
UKhawula utyholwa ngokubhala izinto ezinyelisayo phakathi komhla we10 ukuya kwi12 kweyeDwarha ngo2024 kwikhasi lakhe lonxibelelwano nelinabalandeli abaninzi.
UMjonondwane wongeze ngelithi akukho nto inqanda uKhawula ekubeni enze isicelo sebheyile ngokusesikweni kwaye igosa elichopheleyo liyakuthatha isigqibo sokuba ngaba ufanelekile na ukuba akhululwe ngebheyile.
Ngokutsho kweNPA, iinjongo zezinto azibhalileyo kumakhasi onxibelelwano ibikukungcolisa okanye ukunyhasha isidima sikasomashishini uZe Nxumalo.
UKhawula ubhale amatyeli kumakhasi onxibelelwano esithi uNxumalo ukrexezela inkosikazi yakhe, owayesakuba nguMiss SA, uTamaryn Green. Ukwatyhole ngelithi lo somashishini nabahlobo bakhe bamthumelele amanani omgunyathi okukhupha imali (e-wallets) ngelizama ukumvala umlomo.
“Enkundleni, umbuso uyichasile ibheyile ngenxa yetyala lokubulala lomtyholwa elilindiweyo lika2022 eNtshona Koloni kunye nesigunyaziso esingekaphunyezwa sokuba abanjwe ngenxa yokuqhuba kakubi nokungakhathali,” utshilo uMjonondwane.
“Ngapha koko, uphando lukaSajini Mabunda luveze ukuba iprofayili yomtyholwa kunye nedilesi yendawo yakhe kusafuneka kuqinisekiswe ukuze kuqulunqwe ingxelo ebanzi ukulungiselela inkqubo yokufaka isicelo sebheyile.
“UKhawula ugcinwe eluvalelweni ngaphandle kwebheyile de kube ngumhla we29 kweyoMqungu 2025, apho kuza kuchotshelwa isicelo sebheyile ngokusesikweni,” utshilo.
UKhawula ubanjwe kwithaveni eDundee KwaZulu-Natal.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
NebankCup: iFree Agents FC inethemba lokuwisa iChiefs!