Ukuhlamba iphepha kwantoni?

Ulutsha lukhuthazwa ukuba lubhiyozele ukugqiba iimviwo zalo zokuphela konyaka ngendlela engabandakanyi ukusela utywala ngokugqithisileyo.

Ukuhlanjwa kwephepha ibe sisithethe saseMzantsi Afrika kwiminyaka edlulileyo, apho kubhiyozelwa ukuphela kweemviwo ngokusela utywala.

Ziyasongwa kule veki iimviwo zokuphela konyaka, kwaye ibhodi yotywala eMpuma Koloni (ECLB) ibongoza abafundi ukuba baphephe amatheko okuhlanjwa kwephepha aphenjelelwa kukusela utywala ngokugqithisileyo. Eli gunyabantu lokuthengisa utywala likhuphe ingxelo elumkisa ulutsha.

Ngaphaya koko, le veki iphawula isiphelo sephulo le-ECLB elasungulwa ngeyeDwarha lokwazisa ngenkcubeko elusizi neyintlekele yokuhlanjwa kwephepha.

Oku kwakhokelela nakwintlekele yaseNyobeni Tavern, eyenzeke kweyeSilimela, neyakhokelela ekubhubheni kwabantwana abangamashumi amabini ananye eScenery Park eMonti.

Njengokuba sele zisiya ekupheleni iimviwo, luyakhula uloyiko eMpuma Koloni malunga nemibhiyozo yokuhlanjwa kwephepha ngenxa yentlekele esube imiphefumlo yolutsha oluninzi.

Ingqonyela ye-ECLB, uGqirha Nombuyiselo Makala, ulumkise abafundi malunga nokuhlanjwa kwephepha. “Sinqwenela ukuthumela isilumkiso esiqatha kubafundi bethu ukuba bangaze baququzelele amatheko okuhlanjwa kwephepha ukunqanda izehlo ezifana nesehlo saseNyobeni Tavern,” utshilo uMakala.

UMakala ukwakhuphe isilumkiso esiqatha kubo bonke abathengisi botywala, ebacebisa ukuba bangabambi la matheko kumaziko abo. Uye wathi ukuba umthengisi wotywala ufunyenwe evumele abantu abatsha ukuba baququzelele amatheko kumaziko abo, amanyathelo akhawulezileyo aya kuthathwa kuloo mthengisi.

“Abahloli botywala bethu abasebenzisana namapolisa basasazwe kwiphondo liphela ukuze babeke iliso elibukhali kwiindawo ezithengisa utywala obunokuthi busetyenziswe kumatheko okuhlanjwa kwephepha,” utshilo uMakala.

Ethetha neli phephandaba, I’solezwe lesiXhosa, iSithethi se-ECLB uGqirha Mgwebi Msiya uthi bafumene izimvo ezincumisayo kuluntu olubonakalisa impumelelo yeli phulo. “Ukuza kuthi ga ngoku, besingekaxelelwa ngamatyala okuhlanjwa kwephepha enziwa kweli phondo kwaye siyathemba ukuba abafundi balithobele ikhwelo lethu lokulahla eli siko libi,” utshilo uMsiya.

Ugxininise amanyathelo abaza kuwathatha kubathengisi botywala abavumela amatheko okuhlanjwa kwephepha kumaziko abo, esithi: “Amanyathelo aqatha aza kuthathwa kubo aqala ngokunqunyanyiswa kweempephamvume zabo zokuthengisa utywala kwangoko, kwaye bamangalelwe ngokuhambisa utywala kubantu abangaphantsi kweminyaka esemthethweni. Iphephamvume labo lisenokurhoxiswa.”

I-ECLB ikhuthaza abantu abatsha ukuba bakhangele ezinye iindlela zokubhiyozela ukuphela kweemviwo zabo zokuphela konyaka ngaphandle kokusela utywala.

Ngeli xesha, abazali nabahlali bayabongozwa ukuba bahlale bejonge iintshukumo zabantwana babo apho bahlala khona. Ukuba la matheko ayarhanelwa, kufuneka axelwe kwisikhululo samapolisa esikufutshane okanye iECLB ngokuthi kutsalele umnxeba ku-080 000 0420 okanye kuthunyelwe umyalezo kaWhatsApp ku-076 403 6223.