Amapolisa eMpuma Koloni aqokelele imfuyo ebiweyo exabisa imali ekwizigidi ezithandathu kwiinzame zokulwa ingxaki yokubiwa kwemfuyo eMpuma Koloni.
Amafama asakhasayo eMpuma Koloni asengxakini ngenxa yokuba iinzame zawo zokukhulisa imihlambi azihambeli ndawo. Kuthiwa amasela akhetha ezona zifanele intengiso ngethuba esenza oku.
Ziinkomo ezikumakhulu amathathu namashumi amane anesibini, iigusha ezingamashumi amane anesibhozo kwakunye neebhokhwe ezingamashumi amabini anesibhozo ezifunyenwe zathathwa ngamapolisa eMpuma Koloni.
Kutshanje kudutyulwe kwabulawa abantu abasibhozo eGodini kuQumbu kwisiganeko esoyanyaniswa nokubiwa kwemfuyo kweli phondo.
Ukanti amafama asoloko ekrokrela ukusebenzisana kwamapolisa kwakunye namaqela wamasela ukubiwa kwemfuyo yawo.
“Siqaphela ukungahambeli phambili kwamatyala ethu xa simangala emapoliseni, kukho ke nolwazi lokuba afuye kakhulu amapolisa ajongene nokubiwa kwemfuyo,” utshilo umfama.
Kukwakho isityholo sokuba uninzi lweendawo ezithengisa inyama zinonxibelelwano nazo kwakunye namasela emfuyo kweli phondo.
“Uphando lethu luyaqhuba, kwaye siyawabulela amapolisa, siphanda izityholo zokuba aba bantu bathengisa inyama nabo banesandla kuyo yonke le nto,” kucacisa umfama.
Kuthiwa imfuyo efunyenwe ngamapolisa kutshanje ibiwe kwizithili eziquka iChris Hani ,OR Tambo, Alfred Ndzo kwakunye naseAmathole.
Amafama axine indoda eye yachaza indlela abasebenza ngayo xa besiba imfuyo. “Siqaba iyeza ebusweni impahla isilandele, elinye siliqhumisa emzini ukuze umnikazi wempahla alale angasiva,” kutsho isela lisiva izithonga zamafama.
Libuyela ngeyoKwindla iPolisakazi laseMonti elijongene nezityholo zobusela!