Umakhulu uNommangaliso Njajula (80), waseMagqazeni eNcerha ongenasuku lutheni lokuvuka atsale itoti yakhe yokuchopha ayokuhlala endleni uR72, ephakathi kwePort Alfred kwakunye neMonti kuba ethengisa, uthi wenzela ukuba alale etyile nabazukulwana bakhe.
Le nkondekazi nehlala nabazukulwana bayo abasixhenxe emzini wayo ithi, iziva isesemandleni, ingekahlutshwa yimpilo kwaye okunye nabazukulwana bajonga kuyo xa kuphele umbane okanye ukutya endlini.
Le nkondekazi ithi iyayifumana imali yendodla, koko ayiye yonele zonke iingxaki ejongene nazo ekhayeni, kuba ayinayo nomntwana wayo oyincedisayo. Uthi abamncedisi kuba abanamisebenzi isisigxina, bamana ukubamba izingxungxu zethutyana emakhitshini.
Inkondekazi le ithengisa iziqhamo ezifana neegwava, ingxowa engangesonka neyithengisa ngeR15 ngoku, nethi yayikade iyithengisa ngeR10, kodwa ngenxa yokonyuka kwamaxabiso okutya nombane nayo ibonile ukuba yonyuse imali.
Encokola neli phephandaba uthi, ezi gwava bazikha mahala abazibhataleli kwifama eyayiyeyabantu abamhlophe kuKrulu, naseSprings. Uthi naye uyavuka aye kuzikhelela xa kusiyiwa, akanikeli mntu. Xa efika endleleni kwindawo athengisa kuyo, uye akhethe ezintle ezizakuthi zithengiseke ebantwini, ezingekavuthwa azoneke de zivuthwe, akwazi ukuzithengisa.
“Ndizikha zibeninzi xa ndithe ndaya kuba andinakuze ndiye ndindodwa kweza fama ndiya xa kuyiwa ngabantu. Andinakuya ndidodwa ndingumntu ongumama kuba kunobungozi kwaye kukho neenyoka kweza fama.
“Andikwazi ukungayi xa kusiyiwa, andikwazi ukuhlala phantsi kuba andikufuni ukuhamba ndicela. Ndakuhlala phantsi mhla ndaphelelwa ngamandla kodwa okwangoku ndisaziva ndisemandleni kwaye ndisaza kuvuka ndizenzele” utshilo uNjajula.
Uthi akukho lula ukuba ngumama kuba abantwana bajonga kuwe nakwiingxaki abajamelene nazo, babanethemba likamama ebomini. Uthi xa usuku luluhle uyakwazi ukugoduka neR115, akwazi ukucukuceza kwizinto ebezishota endlini. Uthi uyakwazi nokugoduka kungakhange kuthengwe xa usuku lulubi.
UNjajula, ukhuthaze amanye amanina nangaphantsi kunaye ngokweminyaka esithi akukhonto yodlula ukuvuka uzenzele kunokuhamba ucela. Uthi ukuba ubeselula ngokweminyaka ebezakuya emakhitshini ayokuncedisa, koko kuye kuthiwe abanakukwazi ukumqasha.
Uthi ngethuba kuvotwa ngoMeyi walo nyaka, naye uye wavota kuba esithi nangona kungekho tshintsho lungako endaweni yakhe mhlambi luza kubakhona ngoku ingakumbi kuvele nento karhulumente wobambiswano.
Uvale ngelithi akunqwenelayo kukuba kudalwe amathuba amaninzi emisebenzi okanye eeprojekthi bakwazi abantwana baqeshwe isigxina.
Amawele angamagqirhakazi aziwa njengeeNkonjane zooFaku azicelela iivoti