Zingaphaya kwamashumi amahlanu iibhasi zakwaPutco ezitshiswe kwisithili saseNkangala kwiphondo laseMpumalanga ngobusuku bangoMvulo liqela labarhanelwa abebexhobile beqhuba imoto emhlophe yohlobo lweToyota Quantum.
Ngokwesithethi samapolisa aseMpumalanga, uBrigadier uDonald Mdhluli, uthi abarhanelwa abamalunga ne15 abebenxibe iimpahla ezimnyama kunye neebhalaklava bangene kwisikhululo seebhasi eMoloto kwindawo yaKwaMhlanga bakhomba abasebenzi ngemipu.
“Abarhanelwa kuthiwa emva koko badubule benzakalisa unogada omnye. Kwakungeli xesha apho iibhasi ezili16 zatshiswa. Lo nogada wonzakeleyo usiwe esibhedlele apho afumana unyango.
“Kusenjalo, eMaphotla kwingingqi yaseSiyabuswa, abarhanelwa abamalunga neshumi bahlasele babetha unogada emva koko batshisa iibhasi ezili18. Lo nogada naye usiwe esibhedlele ukuze afumane unyango.
“EThabana eSiyabuswa, abarhanelwa abamalunga neshumi baye kwisikhululo sebhasi emva koko batshisa iibhasi ezili17,” utshilo uMdhluli.
USihlalo weKomiti yezoThutho ePalamente, uDonald Selamolela, uthe sisenzo esingenangqondo esi, njengoko sitshabalalisa iinkonzo ezidingwa ngabantu ukuze bafikelele kumathuba ezoqoqosho.
“Ukonakaliswa kweziseko kubangele iindleko kwicandelo lezothutho kwaye ikhalinyelwa ngendlela efanelekileyo. Kweli xesha siphila kulo, xa sithetha ngokwandisa zonke iindlela zothutho kuquka nezomoya, iyothusa into yokuba kukho abantu abasacinga ukuba bangatshisa iibhasi,” utshilo uSelamolela.
Amapolisa aqinisekisile ukuba abarhanelwa ababini babanjiwe ukuza kuthi ga ngoku.
Amapolisa abongoza nabani na onolwazi olunokunceda ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba atsalele umnxeba kule nombolo yeCrime Stop ku08600 10111 okanye athumele iinkcukacha ngeMySAPS App.
‘Andibuseli notywala,’ utsho uSodolophu otyholwa ngokunxila kumsitho weANC