UGqirha waseMthatha uza kuvela enkundleni ngenxa yokungahlawuli irhafu

UGqirha waseMthatha uza kuvela enkundleni ngenxa yokungahlawuli irhafu.

UGqirha waseMthatha (47) ubanjwe ngoLwesibini umhla we21 kweyoMqungu 2025 ngezityholo zobuqhophololo kunye nokwaphula umthetho werhafu.

Lo gqirha ubanjwe liqela leeHawks eliphanda ngolwaphulomthetho lwezorhwebo eMthatha lisebenzisana neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) kunye neNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS), phantsi kweprojekthi yeHoney Badger.

“Uphando lokuqala lubonisa ukuba uSARS ufumanise ukungangqinelani kweenkcukacha zerhafu ngexesha lophicotho lwesiqhelo, nto leyo eyakhokelela ekubeni kukrokrelwe ukuba akahlawuli rhafu. Lo mba udluliselwe kwiiHawks ukuze baqhubeke nophando,” sitshilo isithethi seeHawks eMpuma Koloni, uLieutenant Colonel Avele Fumba.

Iingxelo zithi iziphumo zibonisa ukuba umtyholwa usilele ukungenisa amaxwebhu erhafu yengeniso yakhe yonyaka ka2021 ukuya ku2023 kwaye akazihoyanga izikhumbuzo zokuthotyelwa kwerhafu ezisuka kwaSARS.

Umtyholwa kulindeleke ukuba avele okokuqala kwinkundla kamantyi eMthatha ngomhla wesithandathu kweyoMdumba 2025.