Uncedo lwemali luyaphokoka kuBongile Ntombela, inkosikazi yaseMzantsi Afrika evaleleke eUnited Arab Emirates (UAE) ngenxa yemali mboleko athe wayithabatha.
Le mali iza emva kokuba uNtombela efake ividiyo kwikhasi lakhe likaTikTok echaza indlela azibone ekwimeko embi.
Sele kudlule iintsuku ezintathu oko kwenziwe iakhawunti yakhe yakwaBackabuddy kwaye sele efumene iminikelo engaphaya kweR50 000.
Udinga ngaphezulu kweR124 000 ukuze ahlawule le mboleko.
Ufake ividiyo ebulela wonke umntu ngeminikelo kunye nolunye uhlobo loncedo. Ukwathe uClayson Monyela weSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano uye wanikezela ngoncedo.
“UClayson uye wafikelela kum ukuze andinike uncedo kwaye okwangoku usandinceda. Enkosi kakhulu ngokundinceda. Ndiziva ngathi ndiyintombi yomhlaba (daughter of the soil) kwaye ndiyabulela kakhulu. Ndibulela wonke umntu othe wafaka igalelo nabo bathe bandithandazela,” utshilo.
“Ndizakuzama ukwenza uLive ngomso (ngoMvulo) ngokuhlwa xa wonke umntu sele ezinzile ekhaya kwaye ndizokuphendula imibuzo. Kodwa le [vidiyo] ibiyeyokubulela nje. Ndiyathemba ukuba ndiza kuphuma apha phambi kokuphela kweveki,” wongeze watsho.
Ngokutsho kukaNtombela, uneminyaka emithandathu ehlala kwaye esebenza eUAE kwaye waphulukana nomsebenzi ekuqaleni kwalo nyaka.
“Inkampani endandiyisebenzela yathi mandirhoxe emsebenzini okanye ndigxothwe, zange ndikwazi ukulimela igama elithi mandigxothwe ndagqiba ekubeni ndirhoxe. Bandivumela ukuba ndihlale kweli lizwe ndisebenzise iimpepha zeResidence Visa ngelixa ndikhangela omnye umsebenzi ngelishwa, andizange ndiwufumane umsebenzi,” utshilo.
Uthe iResidence Visa yakhe yarhoxiswa emva koko, kwaye kwabelwa isithintelo sokuhamba yibhanki njengoko engazange akwazi ukuqhubeka neentlawulo zakhe zemboleko.
UNtombela uthe ebeza kugqiba ukuhlawula imali mboleko yakhe ngenyanga kaTshazimpuzi.
“Sonke sithatha izigqibo sicinga ukuba sisigqibo esifanelekileyo ngelo xesha kwaye ndithatha uxanduva olupheleleyo lokuba andikwazanga ukwenza izigqibo ezingcono kulo nyaka. Ndidinga uncedo,” utshilo.
UNtombela uthe ngoku ufumene umsebenzi eMzantsi Afrika kodwa akakwazi ukuphuma eUAE de ahlawule imali mboleko.
Uthe utyala ibhanki i25 000 dirhams eyiR124 681,12.
Kwividiyo yakhe yokuqala, uNtombela wadiza ukuba akanandawo yokuhlala ifanelekileyo kwaye sele ezizamela.
“Ndicinga ukuba ndenza isigqibo esifanelekileyo xa ndandikhupha abantwana bam kweli lizwe, noko babuyele eMzantsi Afrika,” utshilo.
UNtombela uthi uzamile ukucacisela ibhanki ukuba akazami kubaleka ityala lakhe, kodwa kufuneka agoduke kwaye uzakuyihlawula xa eqalisa umsebenzi wakhe omtsha eMzantsi Afrika.
Uthe lonke uthethathethwano lwakhe nebhanki lwaliwa kwaye waxelelwa ukuba makahlale kweli lizwe ahlawule ityala lakhe.
“Ndihlale ndenze ntoni, andinamsebenzi, andinandawo efanelekileyo yokuhlala kwaye kufuneka ndenze ntoni?” ubuzile ecaphukile.
Ephendula ngelo xesha, uMonyela uthe uncedo loonozakuzaku abalunika kwizindlu zoonozakuzaku aluyomali.
Iakhawunti kaNtombela yeBackabuddy ithi: https://www.backabuddy.co.za/campaign/bongile
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
UNabi ufuna abadlali abavutshiweyo, hayi imiqheliswa kwiChiefs!