UCeba ojongene nezityholo zobuqhophololo ukhutshwe ngebheyile yeR2000

UCeba wakwaWadi 16, uThuliswa Jotile ojongene nezityholo zobuqhophololo ukhutshwe ngebheyile yeR2000. Umfanekiso: Hawks

UThuliswa Jotile (55) onguCeba wakwaWadi 16 kuMasipala i-Ingquza Hill Local Municipality, uvele phambi kwenkundla yamatyala oRhwebo eMthatha ngoLwesine, umhla we17 kweyeDwarha 2024, ngezityholo zobuqhophololo. UJotile ukhutshwe ngebheyile yeR2000.

Oku kulandela ukubanjwa kwakhe ngooKhetshe (Hawks) ngoLwesithathu, umhla we16 kweyeDwarha ka2024.

Kutyholwa ngelithi ngonyaka ka2018 uJotile waya kummangali ukuze abhalise ishishini phantsi kwegama lakhe, ze labhaliswa ngempumelelo ngoncedo lomtyholwa uJotile.

Isithethi sooKhetshe, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi emva koko uJotile wathatha onke amaxwebhu enkampani, ikhadi lebhanki kunye nenombolo yepin yebhanki ukuze abe kuye ngamaxesha onke.

“Ngaphezu koko, umrhanelwa kutyholwa ukuba uye wabhalisa inombolo yakhe yefowuni ukuze afumane izaziso zebhanki ukuze abe nolwazi ngayo yonke imali engenayo nephumayo kule nkampani,” utshilo uMhlakuvana.

Kuvakala ukuba uMasipala uye wafumanisa ukuba kukho ukungangqinelani kwiinkcukacha zale nkampani. Ngenxa yobuqhophololo obenziwe nguJotile, uMasipala wafumana ilahleko yemali exabisa iR16 800. Lo mba uye waxelwa kooKhetshe ukuba benze uphando.

Uphando olwenziwa ngooKhetshe ludize ukuba uJotile wenze ushishino ngabom nangokungekho mthethweni nanjengoko wayengenalungelo lokwenza oko njengomsebenzi kaMasipala.

Uphando olongezelelekileyo luveze ukuba ucele ngabom ummangali ukuba avule ishishini ukuze axhamle ngokungafanelekanga kuMasipala.

Lo mba ubuyela kwakhona enkundleni ngomhla wama24 kweyeDwarha 2024 ukuze atshintshiselane ngamaxwebhu etyala kunye nabameli bakhe.