Ubanjiwe umqhubi weloli obaleke kwingozi ebulale abasixhenxe ngaseMthatha

Abantu abasixhenxe ababhubhileyo kunye nabalithoba abonzakeleyo bebekhwele kule Toyota Quantum. Umfanekiso: ECDOT

Kungokunje uselugcinweni lwamapolisa umqhubi weloli ethe yabandakanyeka kwingozi esube imiphefumlo yabantu abasixhenxe kwindlela uN2 phakathi koMthatha neDutywa eMpuma Koloni ngentsasa yangoMgqibelo, ngokokutsho kwesithethi sikaMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni, uMakhaya Komisa.

Oku kusemva kokuba umqhubi ebalekile kwindawo yexhwayelo.

UKomisa ukungqinile ukuba ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe ngakumqhubi weloli ongummi wangaphandle.

Kuthiwa le loli kunye neteksi yohlobo lweToyota Quantum zingqubene kumajikojiko aseMthentu kwindlela uN2 phakathi koMthatha neDutywa ngale ntsasa, nto leyo ibangele ukubhubha kwabantu abasixhenxe kwaza abalithoba bonzakala kakhulu.

Iloli ebibandakanyeke kule ngozi. Umfanekiso: ECDOT

Kutyholwa ukuba le moto yohlobo lweToyota Quantum ibisiya eLibode isuka eMonti kwaye iloli ibisingise eMonti ngethuba kusenzeka le ngozi.

Kuthiwa bekukho inkungu ngethuba ezi zithuthi zimbini zingqubana. Abakhweli abonzakeleyo abalithoba babalekiselwe kwisibhedlele iMthatha General Hospital.

UMphathiswa weSebe lezoThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthumele amazwi ovelwano kwiintsapho zabasixhenxe ababhubhe kule ngozi. Ukwanqwenelele abo bonzakeleyo ukuba balulame ngokukhawuleza.