‘Sishishina ngemizimba, sizamela iintsapho!’

Ekuqaleni nguPhindi Ngwazi weSWEAT, phakathi nguKatlego Rasebitse oyinkokheli kuzwelonke kwakunye noSekela Mphathiswa kuzwelonke eme ngenyawo uHendrietta Bogopane-Zulu. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

ABANTU bathengisa ngomzimba ngeendlela ezohlukeneyo, umahluko kukuba abanye bama ezitalatweni baze bafumane ukugxekwa. Oku kuvele ngethuba abathengisa ngomzimba bengungelene eICC eQuigney eMonti, bekhupha imbilini kuSekela Mphathiswa woPhuhliso loLuntu kuzwelonke uHendrietta Bogopane-Zulu.

Abathengisa ngomzimba babalise amabali abo abuhlungu kule ngxoxompikiswano ibibanjwe nguSekela Mphathiswa ngokuxhatshazwa ngabomthetho nangabathengi babo, besithi bakhe basetyenziswe ubusuku bonke bengabhatalwa, abanye besithi baxuthelwa iimpahla zabo bagoduke behamba ze, kungenjalo kuse phandle bejikeleza nebhaki yamapolisa bengenzanga nesenti emdaka.

Umama osele ekhulile waseWestbank othengisa ngomzimba nosele ekwela nqanaba lokungami sitalatweni, uthi kudala wabakweli shishini unomzi, ufundise nabantwana bakhe, uthi angavuya luthathelwe ingqalelo olu shishino kwaye lude luvunyelwe lube semthethweni.

Uthi ukugunyaziswa kweli shishini kungenza bayeke ukugxekwa luluntu kuba nabasemjolweni okanye abatshatileyo nabo kukuthengisa ngomzimba oko bakwenzayo, umohluko kukungami sitalatweni.

Aba bathengisi bathi kwezi kona bama kuzo abami ngakuthanda bazamela impilo iintsana zabo njengoko kunqabe amathuba engqesho eMpuma Koloni. Bakwadiza ukuba kwezi kona bama nabafundi beeyunivesithi zaseMonti nabo abazamela amakhaya wabo abawashiye emva etsala nzima.

Amagama abathengisi I’solezwe liyawazi nangona kuthwe mabakhuselwe kungasetyenziswa magama abo esidlangalaleni.

Indoda ekweli shishini nethandana namanye amadoda ithi umngeni kukuqala bagxekwe ngoosisi aba bama nabo ezitalatweni kuba besithi babathathela abathengi.

Uthi abami ngakuthanda, nabo bakhutshwe yinzima emva, uthi le ibakhuphileyo nabo yile ibakhuphileyo ezindlini.

Omnye okhuphe intlungu yakhe phambi komphathiswa uthi wakhululiswa ngamapolisa amabini awayepatrola ngobunye ubusuku, emane esithi kuye makajikeleze kuba iimpundu zakhe zinkulu kwasa phandle, akugqiba akafumana nemdaka isenti.

“Bayasihlukumeza, ngamanye amaxesha ngamagqolo soze bakubhatale. Bandityela ixesha kuba ndaphoswa ngabathengi ubusuku bonke. Zange bandidlwengule qha babendimodelishisa emva koko bandishiya esithubeni ebusuku. Sicela ukukhathaleleka, nathi singabantu abakhulisa abantwana ngale mali, ngumsebenzi lo kuthi asiyonkcithaxesha,” utshilo usomashishini.

Oshishina eWillow Park eMonti, uthi owona mngeni banawo kukuthathelwa imali yabo ngootsotsi xa besehlika emotweni.

“Sicela uncedo, mhlawumbi ukubonakala kwamapolisa eWillow Park umohluko ungakho, kuba uthi uphuma nje ehlathini ugqiba kusebenza, libe iphara sele likhongozela, lithatha le mali ndigqiba kuyinikwa,” itshilo inkosikazi eshishinayo.

UBogopane-Zulu ubongoze aba somashishini ekubeni babenentsebenziswano kwaye bamanyane, esithi akukho apho kungekho khuphiswano kwishishini. Uthi nangona nje kuzokupasiswa inkululeko kwabathengisa ngomzimba, kodwa kusekuninzi okuzokwenziwa.

UBogopane-Zulu ukukhalimele ukushiywa kwabantwana bodwa ngabazali abashishinayo, esithi zikhona iindawo zokugcina abantwana kweli Sebe. Oku kusemva kokuva ukuba abantwana bayantaza esithubeni ebusuku bekhangela oonina babo.

Uvale ngelithi namatyala avulwe ngabathengisa ngomzimba aza kuhoywa kuba ayikho into ethi mabadlwengulwe abathengisi.

UMlawuli oyiNtloko weSebe eBCM, uZoliswa Ganca, uthi izikhalazo zaba bathengisi zivakele kwaye zakuthi zithathelwe ingqalelo.

UPhindile Ngwazi weSWEAT nengumbutho wabashishina ngomzimba eBCM uthi kusekuninzi okuzokwenziwa nokuba kungapasiswa kuba bajongene nemingeni aba.

UMfundisi uBulelani Palezweni waseBCM uthi bakuhlala bebaxhasa aba kuba nabo ngabantu abadalwe nguThixo. Uthi kukho amadoda azenza ngathi ayabonyanya abathengisa ngomzimba kodwa ebusuku bathenge.

Kubathengisi ngomzimba kukho nabo bakhulelweyo.