Nizama ukuphakamisa uChris Brown nokushenxisa ivangeli, kutsho uBushiri

UMprofeti uShepherd Bushiri utyhole amajelo eendaba aseMzantsi Afrika ngokukuphakamisa uChris Brown nokushenxisa ivangeli.

UMprofeti uShepherd Bushiri utyhole amajelo eendaba aseMzantsi Afrika ngokuba nomkhethe nokungasasazi ngemisitho yakhe kwibala lemidlalo iFNB Stadium nalapho athi kwakuzimase abantu abayi110 000. Oku kusemva kokuba ikhonsathi yemvumi yaseMelika, uChris Brown, ibe ngundabamlonyeni nebinabantu abangaphezu kwama90 000 abebezimasile.

Lo Mprofeti waseMalawi ubhale kwikhasi lakhe likaFacebook wathi, “Ikhonsathi kaChris Brown eFNB Stadium itsale indimbane yabantu abangama94 000 kwaye amajelo osasazo aseMzantsi Afrika ambiza ngokuba “ngoyena mntu utsala abantu abaninzi.”

“Ziintloni. Inzondo sisilwanyana ngenene. Bazama ukungahoyi iintlanganiso zam kwibala lemidlalo apho sasinenani eliphezulu kakhulu labantu abangama110 000 ababezimase imisitho yam yemithandazo yeCrossover Night izihlandlo ezine zilandelelana. Nangona abaphathi bebala laseFNB bayixhoma esidlangalaleni, akukho majelo osasazo aseMzantsi Afrika abhale ngayo, kude kube ngoku.”

Umfanekiso ofakwe nguBushiri ebonisa ukuba naye wayenabantu abaninzi kwibala lemidlalo elisetyenziswe yile mvumi yaseMelika kodwa yena akazange anconywe. Umfanekiso: Prophet Shepherd Bushiri/Facebook

UMprofeti uBushiri akazange awabambe amazwi, waqhubeka wathi: “Ngokwenene, ukuba uyamcaphukela umntu, kwanobuso bakhe obuhle kakhulu bubonakala bubi. Amajelo eendaba aseMzantsi Afrika azama ukuphakamisa uChris Brown nokushenxisa ivangeli.

“Babhale ngabalandeli bakaChris Brown bathi “bebonwabile” kodwa abalandeli bam abebezimase imithandazo yam, bathi “bahluthwe ingqondo.”

“Wowu. Kungekudala abantu baseMzantsi Afrika baya kuyibona eyona nto iqhubekayo kwilizwe labo — ukucaphukela abantu bakaThixo nokubhiyozela ubungendawo. Ubungcoli!”