Ngubani uMavuso Msimang?

UMavuso Msimang kwinkomfa yesithathu kazwelonke yamagqala eANC kunyaka ophelileyo eBoksburg. UMFANEKISO: Timothy Bernard/African News Agency (ANA)

Kutshanje uMavuso Msimang ebesematheni malunga nesigqibo sakhe sokushiya umbutho weANC. Ngaphandle kokuva kuye, onookrawuzana baqikelele ukuba uMsimang ushiya iANC ngenxa yeengxaki ezambethe lo mbutho wazibandakanya nawo eselula.

Emva kwexesha elincinci emva kokuba evakalise ukushiya kwakhe, uMsimang uphinde wasirhoxisa isigqibo sakhe sokushiya iANC.

Isigqibo sikaMsimang sokuyishiya iANC singumyalezo ocacileyo wokuba lo mbutho mdala waseAfrika waphuma kwimimiselo nemigqaliseko yawo.

Xa uthetha ngoMsimang ke, uthetha ngendoda eyazinikela kwiANC isencinci kakhulu ngethemba lokuba lombutho wayo uyakuze ibuguqule ngenene ubomi babantu. Ngo1941 walibona ilanga ezalelwa e-Edendale eMgungundlovu eKZN.

Ngo1960 uMsimang uphumelele ibanga leshumi eInkamana High School eFilidi, kwangaloo nyaka uMsimang wayesele ekwiqoqo elilawulayo loMkhonto weSizwe owawuliphiko lezokhuselo leANC.

Ngo1976 uMsimang uphumelele isidanga sakhe sokuqala eYunivesithi yaseZambia. Wachitha ixesha elide lobomi bakhe kwinkampu yoMkhonto weSizwe eKongwa eTanzania, ngo1967 wayeligosa lezonxibelelwano kuMkhonto weSizwe. Ngo1984, ngethuba ehlala eKenya, uMsimang uphumelele isidanga seMasters kwiYunivesithi iUnited States International.

UMsimang usebenze njengevolontiya kumbutho wezizwe ezimanyeneyo ngo1977. UMsimang ukwasebenze eOttawa kwiYunivesithi iWorld University of Canada.

Usebenze ngamandla kumbutho wezizwe ezimanyeneyo kumanqanaba ahlukeneyo. Ngo1993 wabuyela ekhaya eMzantsi Afrika waya kuhlala eThekwini njengekhaya lakhe.

Xa uthetha ngamadoda awaziyo umbutho weANC awunakulishiya igama lakhe. Ugudlene amagxalaba neezangxa zalo mbutho eziquka uOliver Tambo, Chris Hani, Moses Mabhida nezinye iinkokheli eziphambili.

Emva kokubuya kwakhe kweli, uMsimang usebenze kwiSouth African National Parks. Usebenze kakhulu kwiSebe lezeKhaya ngo2007 waza wathatha umhlala phantsi ngo2010.

Uyigxeka kabukhali indlela lo mbutho oqhutywa ngayo, ingakumbi amaqela ahlukeneyo axhasa iziqu ngaphakathi kulo mbutho.

Emva kwendibano yakhe nonobhala jikelele weANC, uFikile Mbalula, uMsimang wasinqumamisa isigqibo sakhe sokuwushiya lo mbutho.