Ilizwe laseUganda liyinxalenye yamazwe alithoba athe azimanya nombutho weBRICS ukusukela ngomhla wokuqala kule nyanga.
Ngamazwe alishumi elinesithathu ebethunyelwe izimemo zokuba abe ngamalungu eBRICS, kodwa alithoba kuphela athe akwamkela oku.
IUganda kuphela kwelizwe elamkele esi simemo kweli laseAfrika ngeenjongo zokuba yinxalenye yendibanisela yeBRICS.
Le yindibanisela yamazwe aquka iBrazil, Russia, India, China kwakunye noMzantsi Afrika nejoliswe kwintsebenziswano yala mazwe.
Amazwe angamalungu amatsha eBRICS aquka iCuba, Bolivia, Belarus, Indonesia, Malaysia Thailand, Khazakhstan kwakunye neUzbekistan.
Ilizwe laseUganda lithi lizibandakanye nalo mbutho ngeenjongo zokuxhamla kwiinkqubo ezibanzi eziphuhliswa ngamazwe angamalungu eBRICS.
IBRICS yasungulwa ngonyaka ka2009 isenziwa yiRussia, Brazil, India kwakunye neChina.
Ukusukela ngo2010, iye yakhula ngokungenelela kwamazwe afana noMzantsi Afrika, ekuqaleni konyaka ophelileyo, kungenelele amazwe afana neUnited Arab Emirates, Egypt, Iran nelase’Ethiopia.
Ethetha eRussia kunyaka ophelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa wavakalisa uvuyo kukukhula kwenani lamazwe angamalungu eBRICS.
Inkqubo kamabonakude entsha ekhangela abaduka bashiya izinqandamathe zabo