Kubhubhe abasibhozo kwingozi yemoto

Ingozi eyenzeke kuhola wendlela uN2 phakathi koMthatha neDutywa ngeCawe. Umfanekiso: Uthunyelwe

Unyaka ka2023 uvale ngentlekele njengoko kubhubhe abantu abasibhozo kwingozi yemoto kuhola wendlela uN2 phakathi koMthatha neDutywa eMpuma Koloni izolo emva kwemini ngeCawe.

Kuthiwa imoto yohlobo lweToyota Fortuner ebikhwele abantu abathandathu ingqubane neFord Kuga ebikhwele abantu abahlanu.

Isithethi sesebe lezothutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose uthi bobahlanu abantu abebekhwele kwimoto enye (amadoda amane nebhinqa elinye) babhubhele kwindawo yexhwayelo kunye nomnye (oyindoda) obekhwele kwenye imoto.

Uthi bahlanu abantu ababalekiselwe esibhedlele. Ngelishwa, ababini babhubhela esibhedlele ngenxa yokwenzakala kwabo.

UBinqose uthi le ngozi yeyona ngozi ebulale abantu abaninzi kweli phondo ngo2023 ukusukela oko kwathi kwasungulwa iphulo iArrive Alive kuba abakaze bafumanengozi ethe yasuba imiphefumlo engaphezu kwesithandathu.

UBinqose ucebise abasebenzisi bendlela eMpuma Koloni njengokuba kusongwa ixesha leziyunguma. “Sinethemba lokuba esi sehlo sibuhlungu siza kuba sisifundo kwaye sincede sibe ngabasebenzisi bendlela abathembekileyo. Ukhuseleko ezindleleni luxanduva lomntu wonke kwaye simemelela wonke umntu ukuba aqinisekise ukuba sikhuselekile ezindleleni zethu.”

Oyena nobangela wale ngozi uphantsi kophando oluqhubekayo, utshilo uBinqose.