Kubanjwe abayi-533 eMpuma Koloni!

Imipu engekho mthethweni enembumbulu ezithinjwe ngamapolisa. UMFANEKISO: SAPS

Iphulo eliqhutywa qho ngeveki iOperation Shanela eliqhuba kwiphondo liphela liya lisanda njengoko kubanjwa kwabantu abaninzi kwiindawo ezinolwaphulo-mthetho. Kwiveki ephelileyo iOperation Shanela ibambe abarhanelwa abangamakhulu amahlanu anamashumi amathathu anesithathu (533).

Iinzame eziqinisiweyo nezihlanganisiweyo zokulwa ulwaphulo-mthetho ngamapolisa kwizithili ezisibhozo ziyaqhubeka ukuba nefuthe njengoko abarhanelwa bebebanjelwa ukubulala, ukudlwengula, ukonakaliswa kweziseko ezingundoqo, ukuphanga, ukubanemipu kunye neembumbulu ngokungekho mthethweni.

Iziyobisi ezathinjwa ngamapolisa ngethuba lephulo. UMFANEKISO: SAPS

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uthi kuqhutywe amaphulo okuvala indlela ayi-39 kwaqhutywa namaphulo ayi-83 okugqogqa abarhanelwa abafunwayo kwiphondo liphela.

UNkohli uthe isithili saseOR Tambo siqhube kakuhle kakhulu emva kokuba kuhluthwe imipu engekho mthethweni elithoba eneembumbulu nto leyo ebangele ukuba imipu elishumi elinesixhenxe (17) ithinjwe kweli phondo. Bebonke abanini bemipu abali-11 bahlawuliswe ngokwaphula uMthetho woLawulo lweMipu.

Imipu engekho mthethweni enembumbulu ezithinjwe ngamapolisa. UMFANEKISO: SAPS

“Bangama-32 abantu abahlawuliswe ngokwaphula uMthetho woTywala weMpuma Koloni, kwaze kwavalwa neendawo ezimbini zotywala ezingenampephamvume, kwathinjwa utywala obungaphaya kwamakhulu asibhozo eelitha.

“Amapolisa abambe ngempumelelo abantu abayi-142 ngenxa yokuba neziyobisi ezingekho mthethweni, kunye nabanye abangama-37 abarhanelwa ukuba bashishina njengabathengisi beziyobisi. Kwakhona kuhluthwe imali eyi-R11 300.

Imipu engekho mthethweni eneembumbulu ezithinjwe ngamapolisa. UMFANEKISO: SAPS

“Amapolisa ohluthe intsango ebunzima buziikhilogram ezingama-26 (26kg), iipilisi eziyi-1039 zemandrax, iikhilogram ezingama-650 (650kg) zobhedu ezilithoba kwakunye nezithuthi ezisixhenxe ezibiweyo nazo zifunyenwe,” utshilo uNkohli.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uthe amapolisa aza kuqhubeka nokubamba izaphulimthetho. “Iphulo iOperation Shanela liza kugxila ekumiseni rhoqo kusetshwe, ukujongwa kwezithuthi, ukujikeleza okubonakalayo nokubanjwa kwabarhanelwa abafunwayo.

“Amapolisa aza kuhlala ezibophelele ekujonganeni nolwaphulomthetho kunye nabaphulimthetho kweli phondo kwaye aqinisekise ukuba abaphulimthetho bayabuva ubukho bethu,” utshilo uMene.

Iimbumbulu ezingekho mthethweni ezathinjwa ngamapolisa ngethuba lolo phulo. UMFANEKISO: SAPS