Ivela kwiveki ezayo indoda ebanjwe eLusikisiki

Ivela kwiveki ezayo indoda ebanjwe eLusikisiki.

Limiselwe uMvulo umhla we20 ityala lomrhanelwa ovele phambi kwenkundla kaMantyi eLusikisiki, ngetyala lokuba nompu ongenamaphepha-mvume kunye neembumbulu.

Lo mrhanelwa oneminyaka engama24 ubudala wakwingingqi yaseTyeni, eHombe A/A, ubanjwe ngoLwesibini, umhla we14 kule nyanga malunga nentsimbi yesithandathu ngokuhlwa, nalapho ethe wavela enkundleni ngoLwesithathu, umhla we15.

Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, amapolisa aseLusikisiki ahletyelwe ngendoda ekhombe abantu ngompu kule ndawo, aze agaleleka ngokukhawuleza ukuza kwenza uphando.

Ingxelo iqhuba ithi, ekufikeni kwamapolisa kulo mzi uchongiweyo, asebenzise ulwazi lwawo ukufikelela kulo mrhanelwa, nothe wabhaqwa nompu ongenampepha wohlobo lwe9mm oneembumbulu.

Uphando luyaqhuba ukuqinisekisa umnini osemthethweni wompu njengoko inombolo yesiriyali ingatshintshi kwaye novavanyo lweballistic kufuneka lwenziwe ukujonga ukuba awuzange usetyenziswe nakwesiphi na isenzo solwaphulo-mthetho.

Umrhanelwa uza kufaka isicelo sakhe sebheyile ngoMvulo, umhla we20 kule nyanga, kwiNkundla kaMantyi eLusikisiki.