Limiselwe inyanga ezayo uNovemba, ityala labarhanelwa abane baseMotherwell uAndisiwe Siwe Zondani (32), Siphamandla Spa Matsha (29), Ayanda Akhanani Yeklea (29) kwakunye noSiphokazi Mabutho (27), emva kokuthi tshe kwabo kule veki kwiNkundla kaMantyi yaseMotherwell malunga namatyala abajongene nawo awokubulala, ukuzama ukubulala, ukubandakanyeka kwiyelekenqe lokubulala kwanokubanemipu engenazimpepha.
Ngokwengxelo yeNPA esi sine sabarhanelwa sathi sahlokomisa abahlali besitalato iDyakalashe eMotherwell, kuphindaphinda ukubulawa kwabantu ngendlela esisaquphe kumzi omnye.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi ingxelo ithi, uSiphokazi Mabuto wenza iyelenqe lokuba kubulawe uAnti wakhe namthatha njengomama wakhe, uKholelwa Mabuto. UKholelwa nobengumsebenzi kuMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, wabhalisa uSiphokazi njengonelungelo kwiishorensi neepolisi zakhe.
UTyali uthi ityala yabakukuba uSiphokazi akayazi ukuba usezincwadini. Uthi ngomhla we17 kuEpreli 2024, kwadutyulwa kwikhaya likaSiphokazi nekwashiyeka uKholelwa engaboni, ubhuti wakhe yena uThando Mabutho onzakele kakhulu.
Ingxelo iqhuba ithi indoda kaSiphokazi, uSicelo Manyashe, wazisa usisi wakhe kwaKholelwa ekubeni ayokugcina uKholelwa kuba engasaboni.
Kwesesibini isiganeko, nge9 yale nyanga sikuyo uOktobha 2024, kwaphinda kwayokuhlaselwa kwakhona kwikhaya lakwaMabutho apho kuye kwabhubha uSiyanda Mabutho kwakunye noSicelo Manyashe.
UTyali uthi kuphando lwamaPolisa kwavela ukuba olu dubulo belusenzeka bekufunwa iimali ze-inshorensi ngabarhanelwa.
Abarhanelwa aba bavelile ngoMvulo kwaye abafuna ukufaka isicelo sebheyile, bangaphakathi eziseleni, kwaye bazakubuyela enkundleni kwinyanga ezayo uNovemba.
Ingakho imfazwe yobukhaya eMzantsi Afrika