Ithemba lokukhula kumafama enyama eMpuma Koloni

Amafama avelisa inyama yenkomo kweli loMzantsi Afrika anethemba lokuba liza kunyuka inani lenyama neenkomo eziphilileyo ezithengiswa kumazwe akuMbindi Mpuma.

Ingxelo ithi le nyama kwakunye neenkomo eziphilileyo kulindeleke ukuba zithengwe ngamandla ngala mazwe ingakumbi eziphuma eMpuma Koloni.

UBrent McNamara onguMlawuli weAgri Eastern Cape uxelele umbutho ojongene nokuveliswa kwenyama ebomvu kweli, iRed Meat Producers Organisation, ukuba kukho ithemba.

“UMzantsi Afrika uthumela imithwalo yeenkomo ezikwishumi elinesixhenxe kwilizwe laseMauritius,” kucacisa uMcNamara.

Uthi ziinkomo ezikumakhulu asixhenxe kumthwalo ngamnye ezikumgangatho ophezulu ezithi zithunyelwe kumazwe akuMbindi Mpuma.

“IMpuma Koloni idlala indima ephambili ukuqinisekisa ukuthunyelwa kweegusha eziphilayo ezisuka eMonti ukuya kumazwe akuMbindi Mpuma naseKuwait, oko kuthetha ukuba iMpuma Koloni njengephondo inethuba elihle,” kutsho uMcNamara.

Ngesivumelwano kwakunye nombutho weAl Mawashi ukusukela ngonyaka ka2019, ilizwe loMzantsi Afrika laqalisa ukuthengiselana namazwe akuMbindi Mpuma.

Kwinkomfa yeBRICS ebibanjelwe eKazan, eRashiya, ilizwe laseUnited Arab Emirates lizibandakanye nendibanisela yeBRICS, oku kubonwa njengekhubalo lokukhula kwentengiso yeenkomo nenyama yeli kwela lizwe.

UMcNamara uthi iingxaki abadibene nazo ngethuba bethumela iigusha zabo ngombutho weAl Mawashi ziphantsi kweliso elibukhali lamagosa karhulumente.

“ISebe lezolimo kuzwelonke likwiphulo lokuqinisekisa ukuba wonke ubani uthobela imimiselo nemiqathango yokuthengiswa kwempahla, oku kulandela ingxaki yokubanjiswa kweAl Mawashi yimibutho elwela amalungelo ezilwanyana,” utsho uMcNamara.

Ayakhula amafama amnyama ukuzithengisela imfuyo esidlangalaleni emva kokuba ebexhomekeke kumafama amhlophe ukuthengisa imfuyo esidlangalaleleni. Oku kuyinxalenye yeempawu zokukhula kwamafama amnyama avelisa inyama kweli.