Iveni entsha kraca eza kubonelela ngeenkonzo zempilo inikezelwe kuluntu lwaseBedford kunye naseAdelaide, eMpuma Koloni, ukukhawulelana nokufikelela kwezempilo kubasebenzi basezifama kunye noluntu olusesichengeni.
Eli nyathelo lixhaswa ngemali yiCookhouse Wind Farm, ngentsebenziswano neSebe lezeMpilo kunye neCookhouse Wind Farm Community Trust, kwaye liyinxalenye yeprojekthi ebanzi yokhathalelo lwempilo esisiseko ejoliswe ekuboneleleni ngeenkonzo zempilo ezisimahla nezifikelelekayo kubahlali kwiifama ezingama71, likwajongene neemfuno zempilo ezibalulekileyo kwiindawo ezikude.
IGosa loNxibelelwano loLuntu eCookhouse Wind Farm, uLifa Baskiti, uthe eli nyathelo liza kwenza ukuba abasebenzi basezifama bafikelele lula kwiinkonzo zempilo.
“Inkqubo yenzelwe ukoyisa imiceli-mngeni abajongene nayo abasebenzi basezifama, abasoloko besebenza iiyure ezinde kwaye bekufumanisa kunzima ukufikelela kwiinkonzo zempilo ngamaxesha aqhelekileyo okusebenza kwekliniki.
“Ngokuzisa iinkonzo zempilo ngqo kumnyango wabo, le kliniki ehamba ngamavili iqinisekisa ukuba aba basebenzi akusekho mfuneko yokuba bacuntsule kwimivuzo yabo ukuze babenemali yokukhwela ukuya kwiiklinikhi ezikude,” utshilo uBaskiti.
Ikliniki ehamba ngamavili, kunye neqela labancedisi baloo wadi ithile, ibonelela ngoluhlu lweenkonzo, ezibandakanya imfundo yezempilo, ulawulo lwamayeza, ulandelelo (follow-ups), kunye nokuthunyelwa (referrals).
Eli qela loncedo liquka abasebenzi bezempilo boluntu ababini abakwikliniki iNomakhwezi Makhenyane eAdelaide, kunye nekliniki yaseNomzamo eBedford, kwaye bagxile kwizigulane ezineengxaki zokuzihambela kwanabo banezigulo ezibabophelela ebhedini, abancedi baqinisekisa ukuba akukho mntu ushiyeka ngaphandle nkwenkathalo abayidingayo.
UPhumlani George, onguMphathi wekliniki ehamba ngamavili ekwanguye nonesi, uvakalise umbulelo wakhe kwiCookhouse Wind Farm kunye neCookhouse Wind Farm Community Trust.
“Olu phuculo luluncedo ngokwenene kuluntu lwethu. Le kliniki intsha iphangalele, inamagumbi amabini, elokuxilonga nelothethwano, kwaye lixhotyiswe ngezixhobo zodidi oluphezulu.”
Ngokujongana nale mingeni yokhathalelo lwempilo, eli nyathelo lijolise ekuphuculeni umgangatho wobomi kubasebenzi basezifama kunye nabanye abantu abasesichengeni, nabanokuthi ngenye indlela bangahoywa ziinkqubo zokhathalelo lwempilo. Kukwathiwa le nkqubo sele idale amathuba emisebenzi amahlanu, nto leyo enegalelo kuqoqosho lweli.
Elinye ilungu lasekuhlaleni livakalise umbulelo walo ngale veni eyikliniki ehamba ngamavili, lisithi: “Sinombulelo ngokufikelela kwikliniki ehamba ngamavili ngoku. Ngaphambili, kwakufuneka sivuke ekuseni kakhulu siyoma ecaleni kwendlela siyocela iilifti ukuya kwikliniki yaseAdelaide, sifike sihlale silinde iiyure kuba abanye abantu bebenedinga ebebelibekelwe ngaphambili. Le nkonzo izokwenza umahluko omkhulu.”
Eli phulo laphuhliswa ngokuphendula uphando oluqhutywe ngo2015, apho amalungu oluntu avakalisa imfuno engxamisekileyo yeenkonzo zempilo ezifikelelekayo. Ukuqaphela izikhewu kwinkqubo yezempilo, iCookhouse Wind Farm ngokubambisana neSebe lezeMpilo kunye neCookhouse Wind Farm Community Trust, bangenelela ukuvala lo msantsa.
Isithuthi esinikezelweyo sinikezelwe ekuncedeni kuphela indawo yaseBedford naseAdelaide, ukuqinisekisa inkonzo ethembekileyo kwezi ndawo.
ISebe lezeMpilo liyaqhubekeka ukuxhasa eli nyathelo ngokunikezela ngamayeza kunye nokulawula isithuthi njengenxalenye yezithuthi zalo, ngelixa iNightingale Care Trust ixhasa imivuzo yabasebenzi bezempilo.
Amawele angamagqirhakazi aziwa njengeeNkonjane zooFaku azicelela iivoti